URulani Mokwena ngumqeqeshi weMC Alger edlala kwiCAF Champions League.
Image: MC Alger
Inye into esengqondweni kaRulani Mokwena nabadlali bakhe: kukuwisa iMamelodi Sundowns emdlalweni ongempelaveki. UMokwena ngumqeqeshi weMC Alger eza kuxikixana neSundowns emdlalweni weCAF Champions League oza kube useLoftus Stadium, ePitoli, ngomso ngentsimbi yesithathu.
Ngumdlalo oza kutaka iintlantsi ngoba omabini amaqela kunyanzelekile aphumelele ukuze adlulele kumjikelo olandelayo weChampions League - kodwa okuza kwenze kuthi chatha kuba uMokwena udibana neSundowns awayeyiqeqesha eminyakeni edlulileyo.
Ngaphezulu koko, uMokwena ufuna ukuphakamisa indebe yeChampions League yakhe yokuqala njengomqeqeshi. Ukuze yenzeke lo nto, kunyanzelekile agqithe kwiSundowns eyamgxotha ngendlela engacacanga ngonyaka ka2024.
"Ukuya kwam eMzantsi Afrika kungomdlalo kuphela ngoba ndifuna ukuqinisekisa ukuba iqela lifumana impumelelo eza kulisa phambili," ucatshulwe ngamajelo eendaba uMokwena esitsho kwiintsuku ezidlulileyo. Uza kudibana neSundowns engaqhubi kakuhle phantsi kukaMiguel Cardoso ongakhonjwa emnyango ukuba akaphumelelanga.
Akukuhlanga enkampini yeSundowns emva kokuba idlale ntanganye neSaint Eloi Lupopop kwiveki ephelileyo eLubumbashe, eDemocratic Republic of Congo. Ukungaphumeleli kwayo kuyayinyanzela ukuba iphumelele emdlalweni oza kube usePitoli.
Iingxelo zamajelo eendaba zithi iSundowns igqibe kwelokuba imnqumamise uMario Masha, ongumhlalutyi oncedisa abaqeqeshi, kuba ekrokrelwa ngokuxelela uMokwena indlela edlala ngayo iSundowns. Oku kwenzeke emva kwentetha kaCardoso emva komdlalo eD.R. Congo.