UKhanyisa Mayo udlalela iKaizer Chiefs ngemboleko kude kuphele isizini.
Image: Backpagepix
UBasia Michaels wenze ilizwi ngekamva likaKhanyisa Mayo odlalela iKaizer Chiefs ngemboleko. Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, uMayo ugaleleke kwiChiefs emva kokungabinayo indawo kwiCR Belouizdad yaseAlgeria.
Oku kwenzeka emva kokuba uSead Ramovic engazange ambhalise njengomdlali oza kudlalela iCR Belouizdad kule sizini. Lo nto yanyanzela uMichaels akhangele indawo anokudlala kuyo uMayo owathengwa ngemali eqikelelwa kwizigidi zerandi kwiCape Town City awazibalula kuyo eMzantsi Afrika.
Konke oku kwenza emva kokuba uMayo wafumana amagowuli amahlanu emidlalweni ekumashumi amane kwisizini yakhe yokuqala eAlgeria. Yamboleka iChiefs isengxakini yobuthuntu beefolosi - kodwa ngelishwa, linye kuphela igowuli elifumene kuMayo owafika ethembisa.
UMayo, 27, kufuneka abuyela kwiCR belouizdad xa kuphela isizini ngoba wayethathwe ngemboleko. Nangona kunjalo, iChiefs inalo ithuba ukuba iyoneliseka ngumsebenzi wakhe. Yinto eza kuba nzima ngoba anqabile amagowuli aphuma kuye.
"Kubolekiswe ngaye kwiChiefs - kodwa into yokuphindela kwiBelouizdad ayikagqitywa. Siza kubona ukuba kwenzeka ntoni xa kuphela isizini" utshilo uMichaels ethetha kwiThe Boot-Smash Sports. "Siza kubona ukuba umoya uya ngaphi ngelo xesha.
"Ngenxa yobunzima esidibene nabo kwela lizwe, andiqondi ukuba kumfanele ukuphindela phaya. Umqeqeshi wayekholiwe ekufikeni kwakhe futhi wabulela. Mininzi imidlalo awayidlalayo - kodwa zajika izinto emva kokufika komphathi omtsha. Yinto leyo angenakuyilawula uMayo.
"Ndothuka mna ngoba bendimazi uSead njengomqeqeshi esekwiTS Galaxy. Zikhona izinto ezenzekayo endingeke ndikwazi ukuthetha ngazo. Zange kuliwe - kodwa kwakunzima kakhulu phambi kokuza kwakhe kwiChiefs," utshilo uMichaels ongumphathi kwaMayo.