Ezemidlalo

UMthawelanga uwole inqwaba yeembasa emidyarhweni yeembaleki eTsomo

Pedro Mapelo|Published

Abantwana bezikolo bazithaphulele iimbasa emidyarhweni ebibanjelwe eTsomo.

Image: Uthunyelwe

Ziimbaleki ezisafufuzayo ezithathe inxanxeba emidyarhweni eyahlukileyo eKuyasa Full Service School, eTsomo, kwimpelaveki edlulileyo. Oku kwenzeke emva kokuba bephumelele kukhuphiswano lezikolo ebezahlulwe ngokweesekethe eTsomo enembali entle kwezemidlalo noxa ingenawo amabala okudlalela asemgangathweni ophezulu.

Bangaphaya kwekhulu abantwana abalole izakhono zabo zokubaleka emidyarhweni ebikwiveki ephelileyo. Abanye babo bebengenazo neeteki zokubaleka - kodwa baye bazincama ngoba benza into abayithandayo futhi abanethemba lokuba iza kuguqula ubomi babo ngomso.

Kwiisekethe ezine ebezikhuphisane, nguMthawelanga ohambe neembasa ezininzi kakhulu. Ngamashumi asibhozo anesibhozo (88) iimbaza ezihambe noMthawelanga. Iimbasa zegolide bazifumeneyo zikumashumi amane anesithathu (43), ngamashumi amathathu anesithandathu (36) ezesiliva zalithoba ezebronze.

Inani leembasa libonisa indlela abaye bazimisela ngayo abantwana baseMthawelanga. Kwindawo yesibini kuye kwahlala iMabelentombi efumene inani elihle elingamashumi amathathu anesibhozo (38) embasa kuphela ngoMgqibelo odlulileyo.

Izamile ngoba kucacile ukuba umgangatho wokhuphiswano ubuthande ukunyuka. Amashumi amabini (20) eembasa yigolide, ezesiliva zilishumi elinesihlanu (15) zize zibentathu ezebronze. Yona iSisonke ifumene amashumi amathandathu ananye eembasa (61) - kodwa ibethwe kukuba ineegolide ezilishumi elinesithathu (13) xa kuthelekiswa neesekethe ezingasentla kuyo.

Iimbasa zesiliva zilishumi elinesine (14) zize ezebronze zibengamashumi amathathu anesine (34). Wona uMzantsi ufumene iimbasa ezingamashumi amabini anesihlanu (25) kuphela. Iigolide zine, iisiliva lishumi elinesine (14) zona iibronze zisixhenxe.