Ezemidlalo

IChippa United ikhangela impumelelo eBuffalo City Stadium kwakhona

Pedro Mapelo|Published

IChippa United iza kwamkela iRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, likhangela impumelelo elingayinyusela kwindawo ebhetele kwiBetway Premiership. Oku kungenzeka xa iChippa isamkela iRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium, eMonti, ebusuku (20:15) ngoMgqibelo.

Lo ngumdlalo obalulekileyo kwiqela elidlalela ekhaya ngoba amanqaku amathathu angalinyusela kwiTop 10 litsho lifumane ithuba lokuphefumla. Umbuzo: ingaba iChippa ingaphumelela imidlalo emithathu ilandelelana?

Akukho mpendulo ngoba yonke into iza kucaca ebaleni. Nangona iChippa United ikhutshwe yiDurban City kwiNedbank Cup kwiveki ephelileyo - kodwa akonakalanga nto ngoba isebenzela ukugcina indawo yayo kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo.

Emva kokubetha iOrbit College neDurban City emidlalweni yeBetway Premiership, iqela likaVusumuzi Vilakazi liya emdlalweni wale veki likhuthazekile kakhulu emva kokufuthamiseleka emsileni ixesha elide phambi kokuphuncuka ekuqaleni kwalo nyaka mtsha.

Umdlalo uza kuba nzima ngoba nayo iRichards Bay, ehleli kwindawo yethoba, ifuna indawo ebhetele kakhulu. Njengokuba inamanqaku alishumi elinethoba, amanye amathathu aza kubethelela indawo yayo kwiTop 10. Kuyo kubalulekile ukuphumelela okanye ukungabethwa emdlalweni oseMonti.

IRichards Bay yahlukaniswa ngamanqaku amane kuphela neChippa esaphumelele imidlalo emithathu. Ikhuthazekile iRichards Bay emva kokubetha iSiwelele FC kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup kwiveki ephelileyo nasemva kokubambana ngo'2-2 neGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership wokugqibela.

UVilakazi uza kuthembela kubadlali abafana noSinoxolo Kwayiba noGoodman Mosele emdlalweni ozayo. Bobabini aba badlali baziintsika zeChippa United ukusukela oko kuthe kwaqala lo nyaka. UKwayiba, ochithwe yiOrlando Pirates kwinyanga ephelileyo, ufike wenza ezibukwayo kwiChippa United.

Ethetha kwiveki ephelileyo, uVilakazi uthe kuye kwanyanzeleka ukuba azame ukulungisa isimo sakhe sengqondo emva kokungadlaliswa kwakhe kwiPirates. Emidlalweni emithathu kulo nyaka, uKwayiba unamagowuli amabini.