Ezemidlalo

Kukho ixhala kwiSundowns phambi kokufika kukaRulani Mokwena

Pedro Mapelo|Published

Uphantsi koxinizelelo uMiguel Cardoso ngenxa yeMamelodi Sundowns engaqhubi kakuhle.

Image: Isithombe:BACKPAGEPIX

Kukho uloyiko enkampini yeMamelodi Sundowns phambi komdlalo weCAF Champions League obalulekileyo. Oku kucace gca ngethuba uMiguel Cardoso esithi ingase kungabikho mntu oza kubangcatsha emva kokuba iSundowns ibambene neSaint Eloi Lupopo emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLubumbashi, eDemocratic Republic of Congo, ngeCawa edlulileyo.

Iziphumo zomdlalo aziyinikanga isiqinisekiso sokuya phambili iSundowns noxa isenalo ithuba ukuba ikwazile ukufumana into kozayo. Onke amaqela akuGroup C analo ithuba lokuya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League. Iindaba ezijikelezayo zithi iSundowns imsikile uMario Masha ongumhlalutyi weevidiyo ngoba ukrokrelwa ngokuba ngungcothoza okanye okrokrelwa ngokukhupha iindaba zeqela.

UMasha uneminyaka emininzi esebenzela iSundowns. Waqala ukuyisebenzela kusekho uPitso Mosimane emva kwakhe wasebenza noMokwena ogxothwe eminyakeni emibini egqithileyo etyholwa ngokungayanelisi iSundowns eyayiphumelele iindebe ezimbini ezinkulu phantsi kwakhe.

Ukungaphumeleli kweSundowns kwiveki ephelileyo kulandela ukubethwa kwayo yiAl Hilal ngo'2-1 emdlalweni weChampions League obubanjelwe eRwanda kutshanje. Yonke lo nto ibeke uxinizelelo kuMiguel Cardoso onexhala lokukhonjwa emnyango ukuba ilinge lokuphumelela indebe yeChampions League eliphumeleli.

UCardoso uxelele iintatheli ukuba unethemba lokuba akukho ndaba zeSundowns eziza kuthunyelwa kwiMC Alger phambi komdlalo oza kube useLoftus Stadium, ePitoli, emalanga ngoMgqibelo.

"Siqala amalungiselelo omdlalo wethu olandelayo. Kufuneka sitye, siphumle, sibuyele ekhaya, sijonge imeko yabadlali bethu futhi sibe nethemba lokuba siza kudlalela ebaleni eligcweleyo," utshilo uCardoso emva komdlalo eLubumbashi.

"Kufuneka iingqondo zethu sizibeke entweni enye, sixhase iqela futhi sithembe ukuba iqela esidlala nalo alizukyazi indlela esiza kudlala ngayo," utshilo uCardoso phambi kokuvakala kweendaba zokunqunyanyiswa kukaMasha okungenzeka ukuba usendleleni ehamba njengogxa wakhe ohambileyo.