USinethemba Badela ukhonjwe emnyango yiDurban City emva kwemidlalo emithathu kuphela kule sizini.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Kothuke abantu abaninzi ebholeni ekhatywayo emva kokuvakala kweendaba ezithi uSinethemba Badela ugxothiwe yiDurban City. Asikavakali isizathu sokugxothwa kwakhe uBadela obesaqhuba kakuhle. Emidlalweni emithathu phantsi koBadela, iDurban City iyiphumelele emibini yaze yabethwa kanye.
Ingxelo ejikeleza kumajelo eendaba ithi umqeqeshi uye wavumelana nabaphathi ngokwahlukana ngesihle. Kungenzeka ukuba iingxaki zikaBadela ziqale eMonti - apho iDurban City ibethwe yiChippa United emdlalweni weBetway Premiership. Nangona iDurban City ikwazile ukuya phambili kwiNedbank Cup - kodwa kuyiwe kwiipenela ukuze iphumelele ngo'3-2.
UBade ungene ekuqaleni konyaka endaweni kaGavin Hunt owagxothwa esaqhuba kakuhle. Nangona iDurban City ihleli kwindawo yesithandathu kwiBetway Premiership - kodwa kuyabonakala ukuba abaphathi abayithandanga indlela elidlala ngayo phantsi kwakhe emidlalweni emithathu.
Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, uBadela walaxazwa yiChippa United awayengumqeqeshi wayo emva kwemidlalo emibini kuphela. Ungumqeqeshi othembisayo futhi osebenze noRulani Mokwena - kodwa ongenalo ithamsanqa lokuhlala emaqeleni kwiPSL.
Kulindeleke ukuba uPitso Dladla axhuzule imikhala okwethutyana. IDurban City iza kudibana neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership oza kube useChatsworth Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu.