UCedric Kaze noKhalil Ben Youssef ngabaqeqeshi beKaizer Chiefs abasebenza ngokubambisana.
Image: BackpagePix
Nangona iKaizer Chiefs isaqhuba kakuhle emidlalweni yeCAF Confederation Cup - kodwa umqeqeshi wayo, uKhalil Ben Youssef, ugxeke iPSL engaliboneleliyo iqela lakhe athi liyabulaleka yimidlalo exineneyo.
Ukuthethe oku emva kokuba iChiefs ifumene amanqaku amathatu emva kokubetha iAl Masry ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium emalanga ngeCawa edlulileyo. Ukusukela oko kuqale unyaka, iChiefs idlale imidlalo yeCAF neBetway Premiership engayinikanga thuba lokuphumla.
Kule veki, iChiefs kunyanzelekile ukuba intingele eYiphutha - apho iza kudibana khona neZamalek emdlalweni obekelwe uMgqibelo. Ingxaki yakhe uBen Youssef kukuba iChiefs ayifaniswa ne'Orlando Pirates ebikhe yamiselwa imidlalo yeBetway Premiership kwisizini egqithileyo idlala iCAF Champions League.
Amakhosi adlale imidlalo elishumi elinesihlanu kwiBetway ngokufanayo namanye amaqela. "Sidlale imidlalo emine okanye emihlanu kude nekhaya. Imeko yethu imbi ngoba asikwazanga ukuzilolonga iiveki ezimbini ngenxa yokuxinana kwemidlalo,? utshilo uYoussef emva komdlalo.
"Xa silungiselela imidlalo, kufuneka sicingele abadlali ngoba iChiefs idlala yonke imidlalo yeCAF neBetway ngokufanayo namanye amaqela. Ndikhumbula kwisizini edlulileyo, yaguqulwa inkqubo yePSL ngenxa yePirates. Akukho nto yenziwayo kodwa sidlala imidlalo yeCAF.
Amaqela esidlala nawo akenzi nto ngaphandle kokudlala imidlalo yeBetway Premiership. Simele ilizwe, kufanele silungise indlela esibasebenzisa ngayo abadlali. Kunyanzelekile sizame ukusebenzisa abadlali abatsha emdlalweni ngamnye esijongana nawo," utshilo umqeqeshi.