Iintloko zamaqela ombhoxo entllanganisweni ekuphehlelelwe kuyo isiqendu esitsha seSuper Rugby 14 kulo nyaka.
Image: Pedro Mapelo
Isiqendu esitsha setumente yombhoxo ekuthiwa yiEastern Cape Super 14 siphehlelelwe ngokusesikweni ngoLwesihlanu ogqithileyo kwindibano ebibanjelwe eBaysville Secondary School, eBerea, eMonti.
Le yitumente edibanisa izangxa zamaqela emdlalweni wombhoxo ezidlala phantsi kweBorder Rugby Union nayo iEastern Province.
Kuye kwanyanzeleka abaphathi beBorder Rugby Union baqinisekise ukuzibophelela kwesebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni elilibazise ukuqala kwetumente ngenxa yongakhuphi imali kwangoko.
Ngokwezicwangciso, bekufanele ukuba itumente iqale ekuqaleni kwale nyanga - kodwa iza kuqala kule veki ngenxa yesebe ebelingekho eBerea ngelixa kuphehlelelwa itumente exhaswa nguRhulumente. Inkokeli yeBorder Rugby Union uthe isebe liyalezile ukuba alizukumelwa mntu ngenxa yobunzi bezinto.
Ukungaxoli kwabameli bamaqela aza kuthatha inxaxheba bekubhalwe ebusweni entlanganisweni. Babalule ukungathembeki kwesebe elisoloko lirhuqa iinyawo xa kufuneka likhuphe imali yetumente exhaswa nguRhulumente.
Njengokuba amaqela esoloko enikwa ikiti phambi kokuqala kwetumente, kulo nyaka kugqitywe kwelokuba anikwe imali aza kulungiselelwa ngayo. Kuvele umbuzo kwangoko entlanganiswe othe iza kufakwa nini. Iintshatsheli ziza kufumana iR60.000, elinye lifumane iR40.000 amanye amabini aza kufumana iR20.000 lilinye.
Inkokeli yeBorder ithe isebe liza kuyifaka kule veki imali yokuqasha amabala ekuza kudlalelwa kuwo. Kubekho ukungaqiniseki ngokuzibophelela kwesebe okuvakaliswe ziintloko zamaqela. Nakubeni kunjalo, iinkokeli zeBorder ziye zaqinisekisa ukuba amalungiselela okuqala kwetumente akwisigaba esiphezulu.
Amaqela aza kuthatha inxaxheba aphantsi kweBorder Rugby Union aquka iYoung Leopards, iSwallows, iBuffs, Old Boys, East London Police, iFort Beaaufort United, iKomga United neWSU Eagles. Itumente iza kuqala ngomhla weshumi elinesine kule nyanga ukuya ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ezayo.