Ezemidlalo

Amakhosi abethe iAl Masry atsho anyukela phezulu kuGroup D

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi afumene amanqaku amathathu emva kokuba ebethe iAl Masry emdlalweni weCAF Confederation Cup namhlanje ePeter Mokaba Stadium.

Image: KC

Abalandeli beKaizer Chiefs bonwabe kakhulu emva kokuba izuze amanqaku amathathu abalulekileyo. Amakhosi abethe iAl Masry ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.

Ingqatsini yelanga ebeligqatse ubhobhoyi khange libatyhafise abalandeli bebhola ekhatywayo ababukele umdlalo ePolokwane. Amakhosi aye emdlalweni wanamhlanje ekhuthazekile emva kokuba ebethe iZesco United emidlalweni emibini ilandelelana.

Abadlali beqela laseYiphutha bangene emdlalweni befuna ukuyiphinda iChiefs abayibetha emdlalweni wokuqala ukuze bandise amathuba okuya phambili kwiCAF Confederation Cup. Akubanga njalo ngoba iinzame zixhaywe yigowuli elifakwe nguFlavio Silva ngepenela kwisigaba sokuqala.

Oku kwenzeke emva kokuba ibhola ibethe esandleni somdlali weAl Masry yakhonjwa echaphazeni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs ihamba phambili ngegowuli elinye emva kokuba amaqela engakwazanga ukudala amathuba amaninzi.

Kwisigaba sesibini izinto ziye zaguquka emva kokuba uAbderrarhim Deghmoum engcangcazelise umnatha emva kwempazamo eyenziwe nguGiven Msimango endaweni embi ebaleni. Igowuli linike iAl Masry ithemba lokufumana elinye igowuli elingayinika impumelelo.

Khange kube kudala, uAiden McCarthy ufake igowuli lesibini ephumelele ngalo iChiefs umdlalo obalulekileyo. Ngoku Amakhosi ahleli phezulu kuGroup D okwethutyana. Aza kulwela ukuya kunjikelo olandelayo xa edibana neZamalek edlala neZesco United namhlanje.