iMamelodi Sundowns ibambene neSaint Eloi Lupopo emdlalweni weCAF Champions League namhlanje eD.R. Congo.
Image: MS
Ubuyela ekhaya ifumene inqaku iMamelodi Sundowns. Oku kulandela emva kokuba ibambene neSaint Eloi Lupopo emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eStade TP Mazembe namhlanje emalanga. Iqela lasePitoli lintingele eLubumbashe liphantsi koxinizelelo emva kokubethwa yiAl Hilal kwiveki ephelileyo eRwanda.
Iqhufuze iqanda emzuzwini weshumi elinethoba iSaint Eloi Lupopo ngebhola efakwe nguLihozasia. Kuye kwanyanzeleka ukuba abadlali beSundowns banyuse umxakatho ngenxa yomthwalo osindayo. Abakwazanga kodwa ukubhalisa ebhodini kwade kwaphela isiqingatha sokuqala somdlalo eD.R. Congo.
Emva kokungxoliswa kwisigaba sesibini, uJaden Adams ubhakuzelise umnatha ngebhola ayingqube ngentloko. Ligowuli eliyibeke engxakini iSaint Eloi Lupopo ngoba ibihleli emsileni. Nangona amaqela ezamile ukuhlaselana - kodwa akubangakhoo elifuna ukoyiswa eLubumbashe namhla. IDowns ekwindawo yesithathu, kufuneka ibethe iMC Alger ukuze inyukele phezulu.