Ezemidlalo

IPirates ingcwabe iTshakhuma FC emdlalweni weNebank Cup

Pedro Mapelo|Published

Idlulela phambili i'Orlando Pirates evuthulule iTshakhuma FC emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe ePolokwane.

Image: OP

Izikhotha amanxeba iTshakhuma FC emva kokonzakaliswa emdlalweni weNedbank Cup. Oku kulandela emva kokuba iqela laseLimpopo lingcwatywe yi'Orlando Pirates ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.

Ukuphumelela kwePirates akothusanga ngoba iqhuba kakuhle kakhulu kule sizini eqhubekayo. IPirates illandela ekhondwe lamaqela efana neDurban City ebethe iChippa United ngo'3-2 kwiipenela emdlalweni ebusebusuku izolo eChatsworth Stadium.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini kwelinye. Emzuzwini weshumi, iAndre De Jong ubhakuzelise umnatha ngebhola ebibekwe echaphazeni emva kokuba umdlali weTshakhuma edlale kakubi uOswin Appollis endaweni embi.

Kudlule imizuzu esibhozo, uThalente Mbatha wakhaba imbumbulu ebetheke emdlalweni weTshakuma yangena emnatheni. Emzuzwini wamashumi amathathu, uSithembiso Ngobe ufake igowuli leTshakhuma eye ngalo kwisigaba sesibini ikhuthazekile ngenxa yalo.

Lilo kuphela igowuli elinge kuMelusi Buthelezi obethathe indawo kaSipho Chaine oye waphunyuzwa ngumqeqeshi wePirates. Umqeqeshi wayo uyifake amavili yatsho yakhawuleza emva kokufaka uPatrick Maswanganyi noTshepang Moremi oyingozi.

Ubhakuzelise umnatha uMaswanganyi olandelwe nguSipho Mbule ofake elakhe emzuzwini wamashumi alithoba. Umdlali ongakwazanga ukufumana elakhe igowuli nguYanela Mbuthuma obekhe wafumana ibhola ayikhatyelwe ngobuchule esendaweni entle.