Ezemidlalo

uAbdeslam Ouaddou uthethe ngethuba lokuwola zonke iindebe ezikhoyo

Pedro Mapelo|Published

uAbdeslam Ouaddou ngumqeqeshi we'Orlando Pirates esebenzela ukutshayela zonke iindebe ezikhoyo.

Image: Backpagepix

Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, uxelele iintatheli ukuba banawo umdlalo wokuthatha zonke iindebe ezikhoyo kule sizini. Oku ukuthethe phambi komdlalo weNedbank Cup phakathi kwePirates eza kudibana neTshakhuma FC oza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu ngomso.

Umqeqeshi uthi kuyabakhuthaza beliqela ukufumana ithuba lokuphumelela zonke iindebe ezikhoyo. Ingayimbali engazange yenzeka ebholeni yaseMzantsi Afrika ukuthathwa kweendebe liqela elinye.

IPirates ihleli phezulu kwiBetway Premiership emva kokuqokelela amashumi amathathu anesihlanu emidlalweni elishumi elinesihlanu. Kwindawo yesibini yiMamelodi Sundowns enethuba elide igqugqisa. IPirates yesiphumelele iMTN8 Cup neCarling Knockout kule sizini.

Ngoku inethuba lokuqhuba kakuhle kwiNedbank Cup nakwiBetway Premiership ebisoloko isoxuthwa yiSundowns kwiisizini ezidlulileyo. "Ukuphumelela iindebe zonke ngumsebenzi omkhulu kuthi yinto enkulu ngoba akukho qela elalikhe layenza ngaphambili," utshilo uAbdeslam ethetha neentatheli.

"Yinkuthazo kuthi ukusebenzela ukubhala amagama wethu kwiincwadi zembali yePirates. Ukuze zenzeke izinto ezinje, kufuneka ukhuthazeke ngoba ibhola ikhula ngokukhawuleza. Iminyaka iyakhawuleza, ngamanye amaxesha uye ucinge ukuba useneminyaka elishumi yokusebenza kanti imkile.

"Kufuneka ulangazelele impumelelo ukuze igama lakho lihlale kwimbali yeqela. Ngonyaka ka2004, abantu babesithi siza kuyiphumelela iAFCON - kodwa zange kube njalo. Ndisoloko ndibaxelela abadlali ukuba mabadlalele ukwenza imbali. Ukuphumelela zonke iindebe yinto enzima," utshilo uAbdeslam.