Ezemidlalo

USiya Vabaza-Booi wothuse umzi ngokubeka phantsi njengomlawuli wamanqindi eMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published

UNksz. Siya Vabaza-Booi ubeke phantsi njengomlawuli wamanqindi kwiphondo leMpuma Koloni izolo.

Image: Boxing SA

Umbutho olawula umdlalo wamanqindi, iBoxing South Africa, wothuse umzi izolo ngethuba usazisa ukuba uNksz. Siya Vabaza-Booi ugqibe kwelokuba abeke phantsi njengomlawuli wamangqindi kwiphondo leMpuma Koloni.

Ngokutsho kweBoxing SA, uVabaza-Booi ucele ukukhululwa ngoko nangoko emsebenzini awenze isithuba esingaphezulu kweminyaka emibini. Wenza imbali ngokuba ngumlawuli wokuqala olinenekazi owachongwa yiBoxing SA. Abasemfuthweni wolwazi bathi uVabaza-Booi ebengekho kwitumente yamanqndi ebibanjelwe eMthatha kwiiveki ezidlulileyo.

"UBoxing South Africa wazisa ngesicelo sokubeka phantsi esenziwe nguMs Vabaza-Booi," itshilo ingxelo epapashwe kumakhasi onxibelelwano. Kwangaxeshanye, iBoxing SA ilibulele igalelo alenzileyo ngethuba eyinkokeli yeMpuma Koloni. Nangona isizathu sokuhamba kwakhe singaxelwanga - kodwa kuthiwa ebengginyani nabathelekisi abathile.

Endaweni yakhe kubuyiswe uMnu. Phakamile Jacobs oza kubambela kude kuqeshwe umntu omtsha ngokupheleleyo. UJacobs akemtshanga kwisikhundla akuso ngoba besibanjwe nguye phambi kokungena kukaVabaza-Booi olahlileyo. "Kwakhona sifuna ukubulela umsebenzi owenziwe nguVabaza-Booi futhi simnqwenelela okuhle kwikamva lakhe.

"Sifuna nokwamkela uJacobs njengomlawuli wephondo," itshilo iBoxing SA. Umdlalo wamanqindi uhamba emva eMzantsi Afrika ngenxa yokungabikho kwabatyali bemali nangenxa yolawulo oluqhwalelayo. UMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, wathembisa ukwenza utshintsho kunyaka ophelileyo - kodwa kuncinci kakhulu okuguqukileyo ukusukela ngoko.