Ezemidlalo

Umqeqeshi uxela indawo efanele uMofokeng ofunqule iPirates!

Pedro Mapelo|Published

URelebohile Mofokeng noYanela Mbuthuma bavuyela igowuli emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe Moses Mabhida Stadium.

Image: BACKPAGEPIX

Uncome akapheza uAbdeslam Ouaddou emva kokuba uRelebohile Mofokeng ephakamisele phezulu iOrlando Pirates emdlalweni obuseThekwini. IPirates iwise AmaZulu ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obutshisa eMoses Mabhida Stadium ngorhatya langoLwesibini wale veki.

Amanqaku amathathu ayinyusele kwindawo yokuqala iPirates ebhukuqe iMamelodi Sundowns eyehlele kwindawo yesibini. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates nguMofokeng noDarren Johnson ogwaze umkhonto ekhaya ngempazamo.

Emva komdlalo odlulileyo, uAbdeslam uyincomile kakhulu indlela uMofokeng adlala ngayo watsho eqinisekisa ukuba indawo amadlalisa kuyo ngoku yeyona emfaneleyo. "Xa ungumqeqeshi weqela elikumgangatho ophezulu, into yokuqala ekumele uyenze kukuhlalutya umdlali ngamnye ukuze ukwazi ukuba nendlela yokudlala," utshilo uAbdeslam echwayitile.

Okuye kwamonwabisa emdlalweni ogqithileyo kukuba abadlali bafumene amagowuli emva kokuba buthuntu kwabo emidlalweni egqithileyo kulo nyaka mtsha. "Ndambona kwangoko indawo ayidlalayo ngoba unawo amandla okudlala futhi uyakwazi okwenzekayo ebaleni.

"Uyakwazi ukufumana ibhola aphinde ayikhulule ngokukhawuleza. Kubalulekile ukuyazi into eyenzeka endaweni okuyo phambi kokwamkela ibhola. Kwibhola ekhatywayo yale mihla, sinethamsanqa ukuba nomdlali ofana noMofokeng eqeleni lethu. Ukuba sizuza kakhulu xa edlala ku10, akukho sizathu sokumdlalisa ephikweni," utshilo umqeqeshi emva kokuba uMofokeng efake amagowuli imidlalo elandelelanayo.

UMofokeng wazenzela igama elihle ukusukela mhla wanyuselwa yiPirates kwiisizini ezintathu ezidlulileyo. Imidlalo ayidlalele iPirates ingaphezulu kwekhulu futhi ufake inqwaba yamagowuli. Umsebenzi wakhe omhle watsala amehlo womqeqeshi waBafana Bafana abeyinxalenye yabo kwiAfrica Cup of Nations ebibanjelwe eMorocco kulo nyaka.