UJohn Maduka ngumqeqeshi weMagesi FC kodwa okungenzeka ahambe.
Image: Ayanda Ndamane
Alicacanga kakuhle ikamva likaJohn Maduka ongumqeqeshi weMagesi FC. Oku kuye kwacaca xa ehleliswe kude neqela ngethuba iMagesi ibibethwa ngamagowuli amabini yiOrlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eOrlando Amstel Arena ngempelaveki edlulileyo.
Ukungaqhubi kakuhle kwayo iMagesi kuyigcine ithe folokohlo ekugqibeleni kwiBetway Premiership. Akukho lizwi elikhutshiweyo liqela ngemeko kaMaduka noxa kubonakala ukuba akazukuhlala njengomqeqeshi ukuya phambili.
Endaweni edlulileyo, iintambo bezixhuzulwa nguAbraham Nteo olisekela likaMaduka. UMaduka waba ngumqeqeshi weMagesi FC phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo emva kokukhululeka kwiRoyal Am FC eyabhangayo emva kokuthengiswa ngenxa yeengxaki zemali ezagubungela uMamkhize.
UMaduka wangena ezihlangwini zikaOwen Da Gama owahambayo emva kokuyisindisa ezembeni iMagesi FC. Naye wayengene ezihlangqini zikaClinton Larsen owahamba emva kokuba iMagesi yaphumelela iCarling Knockout Cup kwisizini yayo yokuqala.
Ingxelo ekhutshwe yiSABC Sport kutshanje ithi uMaduka usendleleni eya emnyango, into exoxwayo yindlela ekuza kohlukwana ngayo. Yenzeka le nto iMagesi ijingelwa lizembe emsileni. Emva kwemidlalo elishumi elinesihlanu, iMagesi ikwindawo yeshumi elinesithandathu emva kokufumana amanqaku alishumi elinanye kuphela.
Ukuba uyahamba uMaduka, kulindeleke ukuba uNteo abe ngumqeqeshi ebambeleyo kude kubekho umqeqeshi oza kutsala iintambo kude kuphele isizini kwinyaka kaCanzile kulo nyaka. IMagesi iza kudibana neGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePolokwane kwiveki ezayo.