Ezemidlalo

IDurban City incwase ukuntywilisela iChippa United emdlalweni weNedbank Cup

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela ngumqeqeshi omtsha weDurban City.

Image: Pedro Mapelo

USinethemba Badela uqinisekisile ukuba iDurban City iza kudlala umdlalo obhetele xa idlalela ekhaya ngempelaveki. Le ndedeba yaseSterkspruit ikuveze oku emva kokuba iDurban City iguqiswe phantsi ingondlalelwanga ngamagowuli amabini eqandeni yiChippa United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngempelaveki edlulileyo.

Amagowuli afakwe nguSinoxolo Kwayiba ancede iqela laseMpuma Koloni latsho lafumana indlela yokuphefumla umzuzwana entla kwamaqela asezantsi. Emva komdlalo obumhle eMonti, umqeqeshi weDurban City uvumile ukuba ayidlalanga ngendlela eyanelisayo.

Uthembise ngelithi izinto ziza kuguquka njengokuba iDurban City iza kudibana neChippa United emdlalweni weNedbank Cup oza kube useChatsworth Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlanu.

"Asidlalanga kakuhle ngoba besingakwazi nokugcina ibhola ixesha elaneleyo kuthi. Indlela ebesinikelana ngayo ebaleni ibingekho ntle," utshilo uBadela ethatha neentatheli emva komdlalo eMonti.

Noxa uBadela ethe ukuziphindezela kuye ibuyinto ebingekho entloko emva kokuba wagxothwa yiChippa ekuqaleni kwesizini - kodwa uthe ziza kujika izinto xa kudlalelwa KwaZulu-Natal ngoba baza kube bephambi kwabalandeli babo.

"Senze impazamo kwanyanzeleka ukuba sileqe. Kwisigaba sesibini senze enye impazamo kwavele kwanzima kakhulu emdlalweni ngoba besidlala neChippa ekwaziyo ukuhlasela.

"Bayasazi nathi siyabazi, okwethu ngoku kukukhuthaza abadlali ukuze ufike umhla womdlalo bewulungele. Ndiqinisekile ukuba siza kudlala bhetele phambi kwabalandeli bethu eChatsworth Stadium," utshilo umqeqeshi.

Kwelakhe icala uVusumuzi Vilakazi akavumanga ukuveza indlela eliza kuqula ngayo iqela lakhe. Kungenzeka iChippa United ingahambi umgama omde kwiNedbank Cup ngoba kufuneka ifake amandla wayo emidlalweni yeBetway Premiership ukuze iphephe ezembeni.

Emva kokuphumelela imidlalo emibini, liyathembisa iqela likaVilakazi - kodwa kufuneka liphumelele eminye imidlalo ukuze liqiniseke ngokuphepha izembe.