UKhanyisa Chawane nguKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika lomnyazi.
Image: Facebook
UKapteni weSpar Proteas, uKhanyisa Chawane, uyichaze njengembali impumelelo ezuzwe liqela lakhe. Oku ukuthethe emva kokuba iSpar Proteas iquthise iNgilane ngo'65-50 emdlalweni wesibini wovavanyo obubanjelwe eGoli ngeCawa edlulileyo.
Emidlalweni emithathu, uMzantsi Afrika ubethe amaNgesi emidlalweni emibini komnye awuphumeleleyo. Ibikokokuqala iSpar Proteas iphumelela xa idlala neNgilane emidlalweni yovavanyo kudlalelwa eMzantsi Afrika. UChawane uvakalise ukwaneliseka okukhulu.
Yimidlalo echazwe njengeluncedo kuMzantsi Afrika olungiselela ukuthatha inxaxheba kwitumente yamazwe ezingamathanga (Commonwealth Games) ekuthambekeni kwalo nyaka kwisixeko saseGlasgow, eScotland. La mazwe mabini aza kuphinda aswantsulisane kube nzima xa edibana etshatshalazeni eScotland.
Imidlalo osuka kuyo uMzantsi Afrika yinxalenye yamalungiselelo eCommonwealth Games. Kubaluleke kakhulu ukuya kuyo uzilungiselele ngokupheleleyo ngoba uza kudibana neNgilane neAustralia kule tumente. Bekunzima ukubetha amaNgesi aphakathi kwamazwe atshotsha entla emdlalweni womnyazi kwihlabathi lonke.
"Sisoloko sidibana neNgilane emidlalweni yeNations Cup. Kuyo yonke sisoloko sibuyela ekhaya sikhala - kodwa side sayifumana impumelelo sidlalela ekhaya," utshilo uChawane echwayitile emva komdlalo.
"Ikamva lethu emdlalweni womnyazi liqaqambile. Siza kuphinda sidibane neNgilane emidlalweni yeCommonnwealth. Okwenzekileyo kukhulisa ukuzithemba apha kuthi singabadlali," utshilo uChawana. Ngokutsho kukaKapteni, umahluko uye wabonakala ngoba bona bebekulambele ukuphumelela kuneNgilane.
"Siye sajonga umdlalo ogqithileyo kwakhona. Bakwazile ukusikhonkxa kuwo asakwazi ukuhamba kakuhle ebaleni. Lo nto inike amaNgesi ithuba lokuhlasela ingaphazanyiswa. Kulo umdlalo siye sathi masidlale umnyazi ngendlela eqhelekileyo.
"Singene ebaleni silambele ukuphumelela. Ibibonakala loo nto kwindlela ebihamba ngayo ibhola yethu. Sifake amanqaku sazilwela zonke iibhola ebaleni ukuze ingabinalo ithuba lokudlala kakuhle. Khange sinikezele ngoba besicwangcise kakuhle," utshilo uChawana.