UMduduzi Shabalala esamkela isipho asinikwa nguKaizer Motaung Jr phambi komdlalo weCAF Confederation Cup obuseMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.
Image: Facebook
UMduduzi Shabalala uvakalise ukungoneliseki yindlela aqhube ngayo kwiKaizer Chiefs - kodwa wathi unethemba lokwenza bhetele emva kokudibanisa ikhulu lemidlalo njengomdlali kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo.
Oku ukuthethe emva kokuba iChiefs ibethe iZesco United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki edlulileyo. UShabalala, 22, wanyuselwa emva kokudlala kakuhle kwiDiski Challenge ngonyaka ka2022 umqeqeshi isenguArthur Zwane.
Wayethembisa kakhulu - kodwa wanzinyelwa ngoba wafika itsala nzima iChiefs ebikhe yahlala iminyaka elishumi ngaphandle kwendebe. Nangona uShabalala engonelisekanga yindlela aqhube ngayo eminyaka edlulileyo - kodwa uzimisele ukwenza ngcono.
"Ndicinga ukuba indlela yam ibisehla isenyuka. Zininzi izinto endizifundileyo emidlalweni endiyidlalileyo futhi ndinethemba lokuninzi. Ndifuna ukuba ngumntu ongcono kunondinguye ngoku," utshilo uShabalala ethetha neentatheli.
"Ndafika ndimncinane kakhulu - kodwa ndimdala ngoku. Ndifunde ukuba yindoda ndiselula ngeminyaka kwaye ndinethemba lokuba ngumzekelo kwabanye abadlali abaziintanga zam," utshilo uShabalala osafake amagowuli alishumi elinanye kuphela.
Ikamva lakhe lisaqaqambile noxa kunzima ukugqama kwabadlali kwiChiefs ngenxa yokungadlali kwayo kakuhle noxa ibhetele nje kwisizini eqhubekayo. "Andiqhubanga kakuhle eminyakeni embalwa edlulileyo.
"Ndicinga ukuba kufanele ndenze umsebenzi obhetele kunendiwenzileyo. Kodwa uyandonwabisa umsebenzi endiwenzileyo kwiChiefs. Ndifuna ukuqinisekisa ukuba liphumelela iindebe iqela endilidlalelayo," utshilo uShabalala. Amakhosi aza kuqala ukukhusela indebe yeNedbank xa edibana neStellenbosch FC kule veki.