Ezemidlalo

UFrans noMadziva bavuyela ukugqwesa kwiGqeberha Ultra Run

Pedro Mapelo|Published

Iimbaleki eziphume phambili kwiGqeberha Ultra Run ebibanjwe kwiveki ephelileyo.

Image: Facebook

Iimbaleki ezaziwayo, uMelikhaya Frans noLoveless Madziva, ziintshatsheli zeGqeberha Ultra Run zonyaka ka2026. Oku kwenzeke emva kokuba ezi mbaleki zimbini ziqhumisele ngothuli ezinye iimbaleki ezithathe inxaxheba kugqatso olungumgama omashumi amahlanu eekhilomitha (50km) elenzeke eGqberha ngentseni yoMgqibelo odlulileyo.

Ziimbaleki eziqabele ngaphaya kwamawaka amabini ezivuke ngonyezi zathatha inxaxheba kwisigendu salo nyaka eeGqeberha Ultra Run enomtsalane kwiimbaleki eziphezulu. UFrans, 35, ukuvuyele ukuba yintshatsheli yeGqeberha Ultra Run okwesibini amatyeli elandelelana.

Kulo nyaka wenze umsebenzi ongcono kunonyaka ophelileyo ngoba uphumelele ugqatso kwixesha elingaphantsi kweeyure ezintathu (2:54:48). Emva kwakhe kulandele uGift Chigomararwa, uPfarelo Mathada kwindawo yesithathu, uAwonke Bungu noKhaya Gqwetha. Kwicala lamanenekazi, uMadziva weHoollywood Athletic Club ubaleke ixesha elingaphezulu kweeyure ezintathu (3:26:28.

Kulandele uGladys Jepchirchir, uDane Cronje, uRefeloe Solomons noTracey Campbell. "Ndonelisekile ngoba ndikwazile ukukhusela intshinga yam," utshilo uFrans obalekela Ikamva Athletic Club. "Phambi kolu gqatso, bendikhe ndatsho ukuba ndifuna ukukhusela intshinga yam futhi ndilonwabele. Ezozinto zombini zenzekile.

"Into endincedileyo ukuze ndiphumelele kukuba ndimamele umqeqeshi noogxa bam endijima nabo. Ndize apha ndizixelele ukuba kufuneka ndihambe phambili ukusukela ekuqaleni. Iyandonwabisa indlela endibaleke ngayo futhi nesimo sezulu besisihle," utshilo imbaleki yaseGqeberha emva kokuphumelela.

Emva kokubamba indawo yesithathu kwiTwo Oceans ngonyaka ka2024, uMadziva waseZimbabwe ukwamkele ngovuyo ukuphumelela kwakhe. "Kokwesibini ndibaleka iGqeberha Ultra Run. Ndikhe ndabaleka apha ndilungiselela ukuya kwiTwo Oceans Marathon endabamba indawo yesithathu kuyo.

"Ndaya kwiComrades Marathon endabamba indawo yeshumi elinesithathu kuyo. Kunyaka ophelileyo ndikhe ndaphumla ngenxa yokonzakala. Ndiyakuvuyela ukuphumelela apha ngoba ndilungiselela iTwo Oceans Marathon," utshilo uMadziva ethetha neentatheli eGqeberha.