Ezemidlalo

Ubunzima ekubo iSundowns kwiChampions League ibikubo nakunyaka ophelileyo - utsho uMiguel Cardoso

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso usenalo ithemba lokuba iMamelodi Sundowns iza kuya phambili kwiCAF Champions League.

Image: Backpagepix

Nangona iMamelodi Sundowns ibuyele ekhaya isophisa, uMiguel Cardoso uthe imidlalo ayikapheli futhi amaqela adlulayo aya kucaca mhla kudlalwa imidlalo yokugqibela. Oku ukuthethe emva kokuba iqela lakhe libethwe yiAl Hilal ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eKigal, eRwanda, kwiveki ephelileyo.

Emdlalweni wokuqala, la maqela mabini abambana ngamagowuli amabini macala ePitoli. Ngoku iAl Hilal ihleli phezulu emva kwayo yiSundowns edlale ntanganye kabini yabethwa kanye. Ukubethwa kweSundowns emdlalweni obukwiveki ephelileyo kubhence ukungaqhubi kwayo kakuhle kule sizini eqhubekayo.

Ngaphezulu, yinto eza kumthelekisa nabalandeli abangamfuniyo ngenxa yobudikidiki beSundowns okungaqhelekanga. iAl Hilal inamanqaku asibhozo kwindawo yokuqala. Kwindawo yesibini kuhleli iSundowns enamanqaku amahlanu ngoku.

Abaphathi beSundowns balindele inkqubela ebhetele kulo nyaka emva kokuphoswa yindebe yeChampions League kunyaka ophelileyo emdlalweni wokugqibela eYiphutha. Emva komdlalo, uCardoso uthe uqinisekile ukuba izinto ziza kucaca emidlalweni yokugqibela.

"Ndafika iqela likwimeko embi kunyaka ophelileyo. Sadlala imidlalo emibini esaphumelela wamnye sabethwa komnye. Ndicinga ukuba sasinamanqaku amahlanu njengangoku," utshilo uCardoso emva komdlalo.

"Usekhona umdlalo esiza kuwudlala, siza kubona kuwo ukuba kwenzeka ntoni. Kunzima okwangoku ngoba amanqaku amahlanu akonelanga. Kufuneka sicinge ngomdlalo wokugqibela ngoba ubalulekile. Amaqela adlulela phambili aya kucaca emdlalweni wokugqibela," utshilo uCardoso.