Ezemidlalo

Inye ingxaki yomqeqeshi noxa iPirates ikwazile ukuphumelela

Pedro Mapelo|Published

UYanela Mbuthuma we'Orlando Pirates evuyela igowuli alifake kwiMagesi FC emdlalweni weBetway Premiership obungempelaveki edlulileyo.

Image: Itumeleng English / Independent Newspapers

Uzamkele ngovuyo umqeqeshi iziphumo zomdlalo ogqithileyo noxa ekwiniswe linani eliphantsi lamagowuli elifakwe yi'Orlando Pirates. Oku kulandele emva kokuba iPirates iquthise iMagesi FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena ngorhatya loMgqibelo odlulileyo.

Amagowuli ephumelele ngawo afakwe nguYanela Mbuthuma oyifolosi noRelebohile Mofokeng. Emva koko iPirates inyukele kwindawo yesibini futhi ilingana neMamelodi Sundowns ngamanqaku inomdlalo esandleni engekawudlali.

Emva komdlalo, uAbdeslam Ouaddou ukugxekile ukungafakwa kwamagowuli amaninzi liqela lakhe amathuba okwenza oko ekhona. "Ndiyawavuyela amanqaku esiwafumeneyo emdlalweni. Kubalulekile ukuphumelela umdlalo phambi kwabalandeli beqela," utshilo uAbdeslam echwayitile.

"Abadlali badlale ngendlela ebesicwangcise ngayo. Siye emdlalweni sizixelele ukuba kufuneka siyicinezele iMagesi FC ukuze ingakwazi ukufumana ithuba lokudlala ngendlela eqhele ukudlala ngayo," utshilo umqeqeshi kwiSuperSport TV.

Ukuba iPirates ibingadlalanga ntanganye neSekhukhune United emdlalweni wokuqala kulo nyaka, ngeyibethwa ngumoya phezulu ngoku. Kodwa nangona kunjalo, akukho nto yonakeleyo ngoba iwuphumelele umdlalo ogqithileyo.

"Sidale amathuba amaninzi kodwa kufuneka senze ngcono ngoba bekufanele ukuba sibuye namagowuli amathandathu. Inqaku ngalinye libalulekile ngoba liza kubala xa kuvalwa isizini. Undichulumancisile umsebenzi owenziwe ngabadlali - kodwa ndifuna balibulale iqela xa amathuba ekhona," utshilo umqeqeshi.