UBrandon Petersen emdlalweni weCAF Confederation Cup obuphakathi kweKaizer Chiefs neZesco United izolo eThekwini.
Image: KC
UKhalil Ben Youssef uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngabadlali beKaizer Chiefs emva komdlalo wayizolo. IChiefs ihleli kwindawo yesithathu kuGroup D emva kokuba ibethe iZesco United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngeCawa edlulileyo.
Igowuli ephumelele ngalo lifakwe nguGlody Lilepo. Ukuphumelela kwayo iChiefs kuthethe ukuthi iZesco United ayisenalo ithemba lokuya kumjikelo olandelayo weConfederation Cup ngoba ibethwe kuyo yonke imidlalo.
UBen Youssef ukhale ngokudinwa kwabadlali abanyuka besehla ngenxa yemidlalo emininzi. Nangona kunjalo, ubancomile abadlali abaqinisekisileyo ukuba iChiefs ifumana impumelelo ebalulekileyo.
"Akufanelanga kunconywe mna, ngabadlali abasebenzileyo. Ndifuna ukuvuyisana nabo abasoloko besendleleni ngenxa yemidlalo exineneyo," utshilo uBen Youssef emva komdlalo eThekwini. Umqeqeshi uxelele iSABC Sport ukuba abadlali baye bathembisa ukuba baza kulwela ukuwuphumelela umdlalo wayizolo.
Kukho ukuxhalaba ebantwini abaninzi ngenxa yendlela edlala ngayo iChiefs esoloko uphumelela ngo'1-0 emidlalweni yayo. Ukuba ifumene igowuli kwisigaba sokuqala, kwesesibini ayidlali kakuhle. UBen Youssef uthi alikho ixesha lokuzilolonga ngenxa yemidlalo.
"Sigqibe umdlalo sesidiniwe - kodwa xa ekhona uThixo, uyakwazi ukuphumelela. Ndivuyisana nabalandeli abonwabileyo. Sifuna ukuqhubela phambili nokuphumelela imidlalo. Asinalo ixesha lokuphumla ngoba kufuneka sicinge ngomdlalo weNedbank Cup," utshilo umqeqeshi.
Amakhosi aza kudibana neStellenbosch FC emdlalweni obalulekileyo weNedbank Cup ebusuku ngoLwesithathu wale veki. Kunyanzelekile alwele ukuphumelela ngoba aza kube ekhusela indebe ayiphumelele kunyaka ophelileyo. Nangona iStellenbosch ibethiwe kwiConfederation Cup - kodwa iza kudlalela ukufa ngoLwesithathu.