Amakhosi aphinde ayibetha iZesco United emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eThekwini namhlanje.
Image: KC
Amakhosi afumene amanye amanqaku apheleleyo. Oku kwenzeke emva kokuba ebethe iZesco United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, namhlanje emalanga. Igowuli aphumelele ngalo Amakhosi lifakwe nguGlody Lilepo.
Ukuphumelela kweKaizer Chiefs kwandisa amathuba wayo okuya phambili kwiConfederation Cup nangona iseza kujongana namaqela omeleleyo. Kokwesibini iChiefs ibetha iqela laseZambia kwisithuba nje seeveki ezimbini. Ibuye ivuya kwiveki ephelileyo emva kokubetha iZesco kowayo ngegowuli likaPule Mmodi.
Amakhosi asilawule isigaba sokuqala futhi ebekhona amathuba afumanekileyo nakubeni engasetyenziswanga. Ibuyile kwisigaba sesibini iZesco United - kodwa ayikwazanga ukugqobhoza kuBrandon Petersen ezipalini. Kuphelile ngayo kwiCAF Confederation Cup ngoba ibethwe emidlalweni emine yonke.
Umdlalo wanamhlanje ngowesine ophunyelelwe yiChiefs ethe chu okomkhuhlane. Iza kuya kwiStellenbosch eza kudibana nayo kwiNedbank Cup ikhuthazekile kwiveki ezayo. Kubi kwelayo icala iStellenbosch ngoba ibethe yiCR Belouizdad ngamagowuli amathathu onke emdlalweni obunamhlanje.