iMamelodi Sundowns iza kudibana neAl Hilal emdlalweni weCAF Champions League namhlanje ebusuku eRwanda.
Image: Backpagepix
Kunyanzelekile iMamelodi Sundowns idlalele ukuphumelela namhlanje xa idibana neAl Hilal emdlalweni weCAF Champions League oza kube useRwanda - apho iqela laseSudan elidlalela khona imidlalo yalo. Umdlalo wokuqala ePitoli waphela la maqela ebambene ngamagowuli amabini.
Yabothusa abalandeli abaninzi ngoba iSundowns ihlala iqhuba kakuhle emidlalweni yayo ekhaya. Ukungaphumeleli kubeke uxinizelelo kwiqela likaCardoso nakubeni lisahleli phezulu kuGroup C onamaqela aquka iSaint Eloi Lupop neMC Alger.
Kunyanzelekile iSundowns iyibethe iAl Hilal ukuze iqinisekise indawo yayo kumjikelo olandelayo weCAF Champions League. Ngaphezulu koko, iSundowns ifuna ukuthatha indebe emva kokuba yabethwa emdlalweni wwokugqibela kunyaka ophelileyo eCairo, eYiphutha.
Ukuphumelela indebe yeChampions League yenye yezinto ekunyanzelekileyo ifumaneke ukuze uCardoso ahlale kwiSundowns. Uyangqinitywa ngabalandeli abathile ngenxa yeSundowns engadlali ngendlela encumisayo nangona iyiphumelela imidlalo yayo.
"Sifuna ukuya phambili kwiChampions League. Kwelinye icala sinomdlalo weNedbank Cup osilindileyo," utshilo umqeqeshi phambi kokuhamba kweqela lakhe eMzantsi Afrika.
Kunyanzelekile ukuba iSundowns iyiphumelele imidlalo elandelayo ngoba ibambene neAl Hilal ngamanqaku futhi ukuba iyayiphumelela imidlalo yayo, ingayisusa phezulu.
Umdlalo wanamhlanje uza kubanzima kuwo omabini amaqela ngoba afuna ukuphumelela ukuze aphucule amathuba wawo okuya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League. ISundowns iza kudibana neGomora United emdlalweni weNedbank Cup oza kube usePitoli kwiveki ezayo.