Ezemidlalo

USibisi uthi imidlalo esesandleni ayithethi kuthi iBetway Premiership isesandleni

Pedro Mapelo|Published

UKapteni we'Orlando Pirates, Nkosinathi Sibisi, uthi imidlalo esesandleni ayithethi kuthi ngamanqaku aza kufumaneka lula.

Image: Backpagepix

UKapteni we'Orlando Pirates, uNkosinathi Sibisi, uthi imidlalo esesandleni ayithethi kuthi baza kuyiphumelela indebe yeBetway Premiership. IPirates ihleli kwindawo yesithathu ezantsi kweMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs ngokulandelelana - kodwa yona inemidlalo emibini engekayidlali kunamanye amaqela.

Ukuba iPirates ingayiphumelela imidlalo emibini, ingabuyela kwindawo yokuqala ngaphandle kwamathandabuzo. Kucace mhlophe kuSibisi ukuba iPirates kufuneka isebenze ngamandla ukuze ifumane amanqaku amathathu.

"Wonke umntu uyazi ukuba imidlalo esesandleni ayiqinisekisi ukuba siwafumene amanqaku. Kufuneka siwadlalele amaanqaku ukuze siwafumane," utshilo uSibini ethetha neentatheli phakathi kule veki.

IPirates ilungiselela ukudibana neMagesi FC emdlalweni weBetway Premiership oza kube use'Orlando Amstel Arena emalanga (18:00) ngoMgqibelo. Ngumdlalo obalulekileyo kakhulu kwiPirates ngoba kunyanzelekile izame ukufumana amanqaku apheleleyo ukuze ingashiywa ngamaqela angasentla kuyo.

"Asijonganga okwenzeka ngasentla kwethu kuphela ngoba umsantsa phakathi kwethu namaqela angasemva awukho mkhulu. Into ebalulekileyo kuthi kukuthatha umdlalo ngamnye. Ngoku kufuneka sibeke iingqondo zethu kwiMagesi," utshilo uSibisi.

Ngethamsanqa, iSundowns neChiefs zakube zidlala imidlalo yeCAF ngempelaveki. Naye umqeqeshi uthe iPirates ayizikhathazi ngokwenzeka kwamanye amaqela. "Sijongene nathi njengoko besisenza ukusukela ekuqaleni kwesizini," utshilo uAbdeslam Ouaddou.