UGlody Lilepo uncede iKaizer Chiefs ngegowuli ebethe ngalo iMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership izolo.
Image: KC
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uCedric Kaze, uxelele iintatheli into exhokonxe abadlali kwixesha lokuphumla. Oku kwenzeke emva kokuba iChiefs ibethe iMarumo Gallants ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium izolo ebusuku.
Igowuli ephumelele ngalo iChiefs lifakwe nguGlody Lilepo ekude kwisigaba sesibini somdlalo. ULilepo udibene nebhola ngasemgceni ekunene, emva koko ukhabe ibhola ebinamandla akayibona uWashington Arubi ezipalini zakhe.
Amanqaku amathathu ayithathe iChiefs ayinyusela kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala kwiBetway Premiership. Umqeqeshi weChiefs uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu emva komdlalo obumbi izolo ngenxa yebala ebekunzima ukudlalela kulo.
"Sikuvuyela kakhulu ukufumana amanqaku amathathu. Ndicinga ukuba isiqalo sethu khange sihambe kakuhle emdlalweni. Bekukhona ukungadibani komdlalo wethu," utshilo uKaze emva kokuba iChiefs iphumelele imidlalo emithathu ilandelelana.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Amakhosi akwazile kodwa ukufumana igowuli eliwawezileyo. "Kuye kwanyanzeleka ukuba sibakhumbuze abadlali ukuba sidinga amanqaku amathathu ngexesha lokuphumla.
"Ndicinga ukuba isigaba sesibini besingcono kakhulu. Sivuyela amanqaku amathathu. Ngoku siza Kubeka iingqondo zethu emdlalweni weCAF Confederation Cup ongeCawa," utshilo uKaze ethetha neentatheli emva komdlalo obuseBloemfontein.