Ziintshatsheli ezivunyiweyo kwakhona iSunrisers Eastern Cape emva kokugqugqisa kwiBetway SA20.
Image: SA20
Iincwadi zembali zibhalwe ngokutsha kwiqakamba eMzantsi Afrika. Oku kwenzeke emva kokuba iSunrisers Eastern Cape iguqise phantsi iPretoria Capitals emdlalweni weBetway SA20 wokugqibela obubanjelwe eNewlands Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Iqela laseMpuma Koloni leqakamba liphakamise indebe yeSA20 ityeli lesithathu emva kokuphumelela ngoothinti abathandathu emdlalweni otake iintlantsi eKapa. Amadoda amabini aweze iSunrisers Eastern Cape emdlalweni obunzima nguTrustan Stubbs noMatthew Breetzke.
Izibhaqe isengxakini iPretoria Capitals emdlalweni ngenxa yokungakwazi ukuqhobosha uStubbs noBreetzke abenze ingqokelela yemitsi elikhulu elineshumi elinesine (114) kumangeno weSunrisers Eastern Cape ebizimisele ukuyithathela kuyo indebe emva kokuyiphuncula kunyaka ophelileyo.
Abalandeli beqakamba abebezalise iNewlands Stadium khange bakwazi ukuhlala phantsi ngenxa kaStubbs oguqule izinto ngokuswaza uGideon Peters obelithemba leqela lasePitoli. Khange aphelele apho ngoba ucime umlilo kuLungi Ngidi nakuBryce Parsons abebengumqobo.
Emva kokwenza umsebenzi omhle kweyona tumente yeqakamba ephambili eMzantsi Afrika, uAdrian Birrell ubaqhwabele izandla abadlali bakhe. "Ndichwayite kakhulu futhi ndiyaziqhenya ngomsebenzi oncomekayo owenziwe liqela," utshilo uBirrell emva komdlalo eKapa.
"Ibingumdlalo onzima kakhulu lo sisuka kuwo. UDewald udlale ngendlela encumisayo ngoba ukwazile ukugcina iPretoria Capital ihleli ku158. Yinto enkulu ukulwela indebe ityeli lesine eminyakeni emine. Abanye abadlali bebenethuba elide bengadlali - kodwa ndiyaziqhenya ngomsebenzi wabo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
UKapteni weSunrisers khange akwazi ukuyibalisa indlela yeqela lakhe ngenxa yemincili. "Andazi nokuba ndingayichaza kanjani indlela esiyiphumelele ngayo indebe yeSA20. Mna noMatty sizamile ukuzola ebaleni noxa besiphantsi koxinizelelo.
"Siye salinda amathuba okubetha ibhola ngoba besisazi ukuba siyakwazi ukudlala kakuhle xa sidibene. Sidlale kakuhle kule nyanga siliqela futhi besiyonwabele imidlalo," utshilo uStubbs. Kwelinye icala, uKeshav Maharaj uyivumile induku emva komdlalo watsho evakalisa ukuphoxeka kwabo.