Ezemidlalo

IMamelodi Sundowns ijikelwe ngumdlali wayo ongafuni ukuzibophelela

Pedro Mapelo|Published

UKutlwano Letlhaku ngumdlali weMamelodi Sundowns ohlaselayo.

Image: BackpagePix

Abantu abaninzi bothuswe ziindaba eziveze iMamelodi Sundowns ejikelwe ngomnye wabadlali bayo abasaze ngobuso ezweni. Ngokutsho kwabakufutshane emfuthweni wolwazi, uKutlwano Letlhaku ugqibe kwelokuba angasivuseleli isivumelwano sakhe sengqesho.

Kuthiwa iSundowns ibizimisele ukumfumbathisa imali ebonakalayo uKutlwano phambi kokumbophelela kwisivumelwano seminyaka emihlanu. UKutlwano, 19, ngumdlali webhola ekhatywayo onetalente emangalisayo - kodwa ngelishwa, onqatyelwe ngamathuba okudlala kwiSundowns enabadlali abaninzi.

Ngokutsho kweSABC Sport, isivumelwano sikaKutlwano siza kuphelelwa kunyaka ozayo kwinyanga yeSilimela.

Kunyaka ophelileyo phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo, kukhe kwavakala ukuba iSundowns zange ivume ukuthengisela iqela lebhola ekhatywayo lasePortugal lifuna uKutlwano ngemali eqikelelwa kwizigidi ezingamashumi amathathu eerandi (R30 million).

Baninzi abadlali ababefuna ukuhamba kwiSundowns ngokutsho kwamajelo eendaba - kodwa nguLucas Ribeiro kuphela owanyanzelisayo waya eYurophu.

Abanye abadlali bahlala ngoba zange bakhululwe yiSundowns engazimiselanga ukuthengisa uKutlwano ozenzele igama kunyaka ophelileyo phantsi kwesandla sikaMiguel Cardoso osezinkathazweni.

Eyona ngxaki enkulu kukungadlaliswa kakuhle kwabadlali abasakhulayo kwiSundowns. Ethetha kuSABC Sport, uHlompho Kekana uthe unethemba lokuba siza kufumaneka isisombululo.

"Ndiyayithanda la nkwenkwe. Ingase nokuba kwenzeka ntoni, kufumaneke isisombululo. Kungakuhle ukumbona edlaliswa ngoba uyakwazi ukufaka amagowuli. Andimazi nokuba ukulungele ukuya phesheya," utshilo uKekana owayedlalela iSundowns.

Kuye kwathi qabu kuCardoso emva kokuba iSundowns ikwazile ukubetha iSekhukhune United ebilushica ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki.

Ngenxa yobudikidiki beSundowns kule sizini, kukho abalandeli abathi uCardoso makahambe kuziswe omnye umqeqeshi. Ukuphumelela kweSundowns kuyigcine iphezulu phambi kokuntingela eRwanda - apho iza kudlala khona umdlalo weCAF Champions League ngempelaveki.