Ezemidlalo

Iimbaleki eziphambili zamkelwe ngezandla ezishushu kwiHollywood AC

Pedro Mapelo|Published

iHoollywood Athletic Club yamkele iimbaleki eziphambili ezisuka kwiNedbank Athletic Club kwiveki ephelileyo.

Image: Facebook

Zamkelwe ngezandla ezifudumeleyo iimbaleki ezaziwayo kwiHollywood Athletic Club. Oku kwenzeke emva kokuba uEdward Mothibi noTete Dijana beqhawule umtshato neNedbank Club abebenethuba elide bekuyo.

Ekupheleni kweveki ephelileyo, iHollywood Athletic Club yamkele ezinye zeembaleki ezihlonitshwayo eMzantsi Afrika kanye phambi kwemidyarho yeembaleki ebalulekileyo kulo nyaka. UNick Beter uthe uDijana noMothibi bayishiyile iNedbank Athletic Club ngoba bebefuna imali engenokwazi ukubanika.

"Izivumelwano zabo azihlaziywanga ngoba bebefuna imali engaphaya kwamandla eqela," utshilo uBester kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe yiNedbank Athletic Club. Nangona kuthethwe kanjalo apho basuka khona, iimbaleki zona ziyikhabe njengetho engekho phambili kuzo imali.

UMothibi noDijana bathe bafuna ukukhula; ukuhamba kwabo akuxhokonxwanga yimali. Ukufika kwezi mbaleki ezimbini yinto enkulu kwiHollywood AC ngoba ngamadoda aqhube kakuhle kwiComrades Marathon eminyakeni edlulileyo.

"Ndifuna ukukhula mna. Ukuhamba kwam akunanto yokwenza nemali. Ndisoloko ndisitsho mna ukuba andiyileqi imali, yiyo elandela mna. Silapha ngoba sifuna ukubaleka, sikhule ndikwazi nokuphuhlisa ezinye iimbaleki kwindawo endihlala kuyo," utshilo uDijana okhe watshatshela kwiComrades Marathon.

Naye uMothibi uyiphikisile into ethethwe yiNedbank Athletic Club ngabo. "Hayi yonke into ingemali. Xa ungumntu kufuneka wamkele inguqu ukuze ukwazi ukumelana nezinto ezenzekayo ebomini," utshilo uMothibi.

"Ndiyeva abantu bathetha ngemali. Ingaba yonke into ingemali? Ikhona indlela umntu angakhula ngayo ngaphandle kwemali. Mna ndikhangela indlela endingakhula ngayo kwikhondo lam lokubaleka," utshilo uMothibi.

Ezi mbaleki ezimbini zifika esitalini esinentshatsheli enguGerda Steyn. Kulindeleke ukuba zonke ziphakamise igama likaHollywoodbets AC kwitumente esemgangathweni wehlabathi njengeComrades Marathon ekuza kuqhawuka unobathana kuyo phakathi kulo nyaka KwaZulu-Natal.