USinethemba Badela weDurban City noVusumuzi Vilakazi weChippa United phambi komdlalo weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium ngoMgqibelo.
Image: Uthunyelwe
Abantu baseMonti baza kufumana inyhweba yokubukela umdlalo webhola ekhatywayo osemgangathweni ophezulu. Oku kulindeleke kwenzeke xa iChippa United idibana neDurban City emdlalweni weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium emalanga (15:30) ngoMgqibelo.
Lo ngumdlalo wokuqala kulo nyaka mtsha iChippa United eza kuwudlalela eMonti - kodwa wongeza kwengaphezulu kwemihlanu edlalwe kunyaka ophezulu. Into eza kwenza umtsalane emdlalweni kukuba omabini amaqela afuna ukuphumelela.
Ngaphezulu koko kudibana amaqela amabini aqhube kakuhle emidlalweni yayo egqithileyo. IChippa United iya emdlalweni ongempelaveki ikhuthazekile emva kokuzuza amanqaku amathathu eRustenburg - apho ibethe khona iOrbit College ngegowuli elinye eqandeni.
Ukuphumelela kweqela laseMpuma Koloni kulincedile ngoba kulisuse emsileni okokuqala emva kweenyanga. Nayo iDurban City incumile ngoba iza eMonti emva kokuba ibethe iPolokwane City ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership odlulileyo.
UVusumuzi Vilakazi, onoxanduva lokusindisa iChippa United ezembeni ekupheleni kwale sizini, uya emdlalweni efuna amanqaku amathathu - kodwa uza kudibana neembila zithutha ngoba iDurban City iqeqeshwa nguSinethemba Badela osafuna ukuzenzela igama elihle ebholeni ekhatywayo njengomqeqeshi osemtsha.
UBadela uza ephondweni awazalelwa kulo efuna ukuphumelela emva kokuba wagxothwa emva kwemidlalo emibini nguMnu. Siviwe Mpengesi njengomqeqeshi weChippa United ekuqaleni kwale sizini.
Noxa ingasinto ezikuthethwa ngomlomo - kodwa uBadela uza kufuna ukubonisa uMpengesi ukuba wenza impazamo ngokungamniki ithuba eloneleyo lokuqeqesha iChippa United eyazika ngakumbi emva kokuhamba kwakhe.
Kunyanzelekile uVilakazi aqinisekise ukuba iChippa iyaphumelela ebaleni layo. Abadlali abaphambili baquka uSinoxolo Kwayiba osuka kwiOrlando Pirates noStanley Nwabali obuyele eMzantsi Afrika emva kokwenza umsebenzi oncomekayo kwakhona kwiAfrica Cup of Nations.