UThembinkosi Lorch esengumdlali weWydad Athletic Club phambi kokuthengwa liqela laseLibya.
Image: Wydad Athletic
Phambi kokuhamba kwakhe kwiqela laseMorocco, uThembinkosi Lorch, wenza amazwi ombulelo kubaphathi, abaqeqeshi, abadlali nabalandeli. Oku kwenzeka emva kokuba uLorch ethathwe liqela lebhola ekhatywayo laseLibya ekuthiwa yiAl Ittihad SC ngemali elinzi kakhulu.
Lo mdlali waseMzantsi Afrika ebekwisizini yakhe yesibini edlalela iqela elidlala kwiBotola Pro 1, eMorocco. Uthathwe yiAl Ittihad SC eliqela eliphambili eLibya emva kokuziqaqambisa kwiBotola Pro 1 njengomdlali weWydad Athletic Club nakwiClub World Cup kunyaka ophelileyo.
"Okokuqala, ndifuna ukwenza umbulelo kumongameli weWydad Athletic Club owandizisa apha," utshilo uLorch obebonakala enyembezana ngokutsho kwamajelo eendaba.
"Okwesibini, ndifuna ukubulela abaqeqeshi nabadlali abandamkelayo kweli qela ekufikeni kwam. Ndibanqwenelela okuhle kodwa," utshilo uLorch emva kokuba iWydad Athletic Club ibethe iManiema Union emdlalweni weCAF Confederations obukwiveki ephelileyo.
Ukuhamba kukaLorch, 32, kubonakala ngathi kuza kucotha kancinci ngoba useza kudlalela iWydad Athletic Club kwakhona emdlalweni oza kube useD.R. Congo. Kwisivumelwa sakhe seminyaka emibini kwiqela lakhe elitsha, kuthiwa uLorch uza kwamkela imali eqikelelwa kwiR1.21-million ngenyanga.
Njengomdlali osele eneminyaka ephezulu ebholeni ekhatywayo, yimali eza kulungiselela ubomi bakhe xa sele ebekhe phantsi. Oku kwenzeka emva kokuba ebekhe wafunwa yiMC Alger eqeqeshwa Rulani Mokwena owamsa kwiBotola Pro 1.
Kwabolekiswa ngaye uLorch ngonyaka ka2024 emva kokuba engazange adlaliswe kwiMamelodi Sundowns emva kokugxothwa kukaMokwena. Bekukhe kwakho ingxokolo kwiinyanga ezidlulileyo ngenxa kaHugo Broos owathi akamfuni uLorch kwiqela lesizwe phambi kokuqala kweAfrica Cup of Nations ebibanjelwe eMorocco.
Ukusukela oko wanyukela eMorocco, umsebenzi kaLorch mhle futhi awunalo ichaphaza. Oko thuse abantu abaninzi kukungaxelwa kwezizathu ezibangela angachongwa nguBroos. Akukacaci nokuba akazimbiza na emva kokugqwidiza kwaBafana Bafana emidlalweni weAFCON egqithileyo.