Ezemidlalo

UKhalil Ben Youssef ubaqhwabele izandla abadlali beChiefs ephumelele eZambia

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abuyele ekhaya onwabile emva kokubetha iZesco United emdlalweni obubanjelwe eNdola, eZambia.

Image: KC

UKhalil Ben Yousset ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iKaizer Chiefs ibethe iZesco United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eLevy Mwanawasa Stadium, eNdola, emalanga weCawe edlulileyo.

Amakhosi angcangcazelise umnatha ngebhola efakwe emnatheni nguPule Mmodi emzuzwini wesibini umdlalo uqalile kwisigaba sokuqala. Bekunyanzelekile iChiefs iphumelele ukuze ifunqule amathuba wayo okuya phambili.

Umqeqeshi uwuchaze umdlalo wayizolo njengoburhabaxa. "Masikhumbule ukuba size emdlalweni sifuna amanqaku amathathu. Khange singene ebaleni sifuna umdlalo omhle," utshilo uYoussef echayitile emva komdlalo.

Noxa iZesco United idlale umdlalo obhetele ebaleni ebelinengca ende - kodwa Amakhosi abuyele eMzantsi Afrika encumile ngoba aza kudlalela ukuphumelela emdlalweni wesibini ekulindeleke ukuba udlalelwe eMoses Mabhida Stadium kwisithuba seeveki ezimbalwa ukusukela ngoku.

Idlale kakuhle kwisigaba sokuqala iChiefs. Kwisigaba sesibini ihleli emva yakhusela igowuli layo kwiZesco United ebihlasela ingaphezi. "Umdlalo uburhabaxa. Thina size apha kuba besifuna amanqaku amathathu - hayi ukudlala ibhola enomtsalane.

"Ndicinga ukuba isifanele impumelelo yanamhlanje," utshilo uYoussef ovakalise ukungoneliseki yimeko yebala ekudlalelwe kuyo. "Bekunzima kuthi ukudlalela ebaleni elibi. Mhlawumbi bekulula kwiZesco United ebidlala iibhola ezinde. Thina besidlala iibhola ezimfutshane.

"Ngelishwa, bekunzima ukudlala ibhola ebaleni elinje. Asiloqela elisebenzisa amandla, singabantu abasebenzisa ubuchule. Mandivuyisane nabadlali ngokuphumelela kwabo. Benditshilo ngaphambili ukuba besizokufuna amanqaku amathathu apha - hayi ukudlala kakuhle.

"Ndiyayincoma indlela abadlale ngayo abadlali kwade kwaphela umdlalo," utshilo uYoussef. Amakhosi aza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership oza kube useDr Molemela Stadium ngorhatya ngoLwesithathu.