Ezemidlalo

uAdeslam akanalo ixhala lePirates ebambene neSekhukhune United

Pedro Mapelo|Published

Akanalo nelincinci ixhala umqeqeshi emva kokuba iPirates idlale ntanganye neSekhukhune United kwimpelaveki edlulileyo.

Image: Itumeleng English/Independent Media

Ayikwazanga ukuwuphumelela umdlalo wayo wokuqala i'Orlando Pirates - kodwa nangona kunjalo, uAbdeslam Ouaddou uvakalise ukwaneliseka yindlela abadlali abadlale ngayo emdlalweni ogqithileyo.

Umqeqeshi uvakalise indlela azive ngayo emva kokuba iPirates yakhe idlale ntanganye ngeqanda neSekhukhune United emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium kwimpelaveki egqithileyo. IPirates iye emdlalweni inyanzelekile ukuba iphumelele emva kokubhukuqwa kwayo iMamelodi Sundowns kwindawo yokuqala.

Kude kwaphela umdlalo obushushu ePolokwane omabini amaqela engakwazanga ukubhalisa ebhidini. Amathuba ebekhona kwiPirates ngoba yiyo ekwazileyo ukuhlasela nokudala amathuba emdlalweni.

Into eyenze kakuhle iSekhukhune United kukuthintela kungafakwa magowuli kuyo ngoba yona ayikwazanga ukudlala ngendlela ebilindelekile kuyo. Iifolosi zePirates siyeke amathuba Amahle kuzo zozibini izigaba zomdlalo. Inqaku elinye elizuzwe yiPirates liyigcine kwindawo yesibini ezantsi kweSundowns ehleli phezulu.

"Abadlali bam benze umsebenzi omhle emdlalweni ngoba ngabo abakwazileyo ukudala amathuba kwisigaba sokuqala nakwesesibini. Kodwa ibhola khange ivume ukungena emnatheni," utshilo uAbdeslam emva komdlalo odlulileyo.

"Andinanto endingayigxeka ebadlali bam ngoba benze umsebenzi ngendlela ebesifuna ngayo. Masingalibali ukuba besidlala nenqela elidlala kakuhle. Ewe, siphoxekile ngoba asifumananga iziphumo ezisifaneleyo emdlalweni," utshilo uAbdeslam emva komdlalo obunenqwaba yamathuma.

Ithe yakubona ukuba ihleselwa macala onke iSekhukhune United, iye yavala amazibuko emva. "Ibibumbene iSekhukhune emdlalweni. Andinalo uloyiko nokuba singadlala ngendlela esidlale ngayo nakwezayo imidlalo ngoba siza kuphumelela.

"Mhlawumbi ibakhona into ephazamisayo xa nidlala umdlalo wokuqala. Into endiyaziyo kukuba senze yonke into ebaleni futhi ngaphezulu kobekulindelwe," utshilo umqeqeshi.