Amakhosi abethe iZesco United emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eZambia namhlanje.
Image: KC
Ancume olukabhulankethe Amakhosi emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Oku kulandela emva kokuba ebethe iZesco United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eLevy Mwanawasa Stadium, eNdola, namhlanje emalanga.
Impumelelo ezuzwe ngaMakhosi namhlanje inencasa ethe chatha ngoba kokokuqala ibetha iqela laseZambia. Ngaphambili Amakhosi abezizisulu zeZesco United amatyeli amabini ngonyaka ka2018/19. Igowuli elifakwe nguPule Mmodi linike iKaizer Chiefs impumelelo ebiyidinga kakhulu.
Kanti iChiefs iye emdlalweni wanamhlanje ikhuthazekile emva kokubetha iGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni obuseFNB Stadium. Njengeendwendwe, iChiefs ingene ebaleni yabhakuzelisa umnatha emzuzwini wesibini yakugqiba yavala amazibuko.
Ibhola ebisuka ekoneni ayibanjwanga nguPhilip Sakauta ezipalini yadibana noMmodi oyifake emnatheni. Noxa iZesco United ikwazile ukuphucula indlela edlale ngayo kwisigaba sokuqala - kodwa into engakwazanga ukuyenza kukubhalisa ebhodini ngenxa yeChiefs edlale kakuhle.
Uxinizelelo belikwiZesco kwisigaba sesibini ngoba yiyo ebihamba emva. Abaqeqeshi beChiefs bafake uGlody Lilepo endaweni kaKhanyisa Mayo ngoba bebefuna umntu oza kuhlasela. Khange yenzeke lo nto ngoba iZesco United ibilawula umdlalo futhi ihlasela macala onke ebaleni.
Kodwa umdlalo ude waphela ingabhaqanga nto ngenxa yeChiefs edlale kakuhle emva. Amakhosi aza kwamkela iZesco United emdlalweni wesibini oza kube useMoses Mabhida Stadium ekuqaleni kwinyanga ezayo.