UVusumuzi Vilakazi uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba AmaZulu ebethe iChippa United emdlalweni weBetway Premiership obuseMonti.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Namhlanje liye laqina ngakumbi ithemba lokusinda kweChippa United ezembeni xa kuphela isizini. Oku kulandela emva kokuba ibethe i'Orbit College ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eRustenburg namhlanje emalanga.
Igowuli ephumelele ngalo iChippa United lifakwe nguJustice Figuareido kwisigaba sesibini. Ziindaba ezimnandi kakhulu kuVusumuzi Vilakazi onikwe uxanduva lokufunqula iChippa United eyahlala emsileni ukusukela ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.
Amanqaku amathathu ayinike ithuba lokuphefumla kancinci iChippa United ngoba ngoku yiMagesi FC ekugqibeleni, yona ikwindawo yeshumi elinesihlanu futhi ayikudanga kwamanye angasentla kuyo.
Ekupheleni konyaka ka2025, uVilakazi wathembisa ngelithi uza kuzama ukudibanisa izinto zakhe ukuze iqela liqale lo nyaka ngendlela ebhetele.
UVilakazi uqale umdlalo ngabadlali abafikayo abaquka uAbbubaker Moroba noSinoxolo Kwayiba ophantse wabuya negowuli. Ukuphumelela kwalo iqela laseMpuma Koloni akothusanga ngoba lidlale kakuhle.
Noxa kuthe qabu okomzuzwana, kufuneka lilwele ukuphumelela imidlalo emithathu ukuze liphume engxakini. Noxa i'Orbit College isabhekele emsileni - kodwa ukubethwa kwayo okwesibini imidlalo ilandelelana kuyifaka engxakini.
Iimpazamo kwisigaba sesibini sesizini zibulala ithemba ebadlalini ngokukhawuleza ngoba boyika ukuthotyiselwa kweqela selidlala kwiBetway Premiership enemali ebhetele. iChippa United iza kulwela amanqaku amathathu kwakhona xa idibana neDurban City emdlalweni olandelayo eMonti.