Ezemidlalo

Ayikwazanga ukubuyela phezulu iPirates edlale ngamathuba eLimpopo

Pedro Mapelo|Published

UPatrick Maswanganyi emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kweSekhukhune United ne'Orlando Pirates namhlanje emalanga.

Image: OP

Kude kwaphela ixesha ingakwazanga ukufumana igowuli nangona ibinenqwaba yamathuba. Oku kwenzeke emva kokuba i'Orlando Pirates ibambene neSekhukhune United ngeqanda macala emdlalweni weBetway Premiership obushushu ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.

Ukungaphumeleli kwePirates emdlalweni wanamhlanje kuthethe ukuthi ayikwazi ukubuyela kwindawo yokuqala. Isuke ekuqaleni kwale veki isongwayo emva kokuba iMamelodi Sundowns izibethele i'Orbit College ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obusePitoli.

Ezimnyama zilawule umdlalo zosika kwisigaba sokuqala somdlalo. Emva kubuyiswe uNkosinathi Sibisi ngenxa yokungabikho kukaMbekezeli Mbokazi odlala eMelika. UPatrick Maswanganyi, uKamogelo Sebelebele naye uEvidence Makgopa bebeyinkathazayo kwiSekhukhune United ehlaselwe macala onke.

UMakgopa uphantse wafumana igowuli - kodwa akubanga njalo ngenxa kaRenaldo Learner oye wangumqobo omkhulu endleleni yePirates. Kwisigaba sesibini, iPirates ihlasele ngamandla kwakhona - kodwa ayakwazi ukugqobhoza kuLearner ezipalini.