Ezemidlalo

UVelebayi uzityande igila ngokudlalela kwakhe iKaizer Chiefs

Pedro Mapelo|Published

uAsanele Velebayi ngumdlali weKaizer Chiefs.

Image: BACKPAGEPIX

Emva kweenyanga ezimbalwa, uAsonele Velebayi uvule isifuba okokuqala ngokudlalela kwakhe iKaizer Chiefs. Kwanyanzeleka alwe ekuqaleni kwesizini ukuze akwazi ukushiya iCape Town Spurs ngoba yayifuna ukubhatalwa yiChiefs.

Emva kwesigqibo esathathwa yiSafa, uVelebayi waphetha ewelele eNaturena - apho athi intliziyo yakho ikhoyo. UVelebayi, 23, udlale umdlalo wakhe wokuqala kwiChiefs ekupheleni konyaka ka2025. "Kwakuyinto efunwa ndim ukudlalela iChiefs futhi kuyandonwabisa ukuba lapha," utshilo uVelebayi ethetha neentatheli.

Nangona ukuya kwakhe kwiChiefs bekunzima kakhulu - kodwa yonke lo nto uyiphose kwelokulibala. "Andifuni ukuthetha ngezinto ezadlulayo. Ndivuyiswa nje kukuba yade yedlula. Umsebenzi wam ngulo ndizokuwenza apha ngoku. Yiyo lo nto ndingasafuni ukugxila kwizinto ezidlulileyo," utshilo uVelebayi.

"Kwakunzima kum nasebantwini basekhaya. Ndiyazincoma kodwa ngoba ingqondo yam ndayibeka kule nto endiyifunayo. Ndazigcina ngejim ngoba ndandingasazi isiphelo setyala. Nangona kunjalo, ndandikholelwa ukuba ndiza kuza kwiChiefs," utshilo uVelebayi.

Izinto khange zimhambele lula nakwiChiefs ngoba baninzi abadlali abangxangele ukudlala njengaye. "Ewe, ukuba ngumdlali weChiefs kuguqule ubomi bam ngendlela emangalisayo. Liqela elikhulu iChiefs.

"Indincedile ngoba andikwazi ukuphazanyiswa nazizinto ezingapahandle ebholeni ekhatywayo. Zikhona izinto endingakwaziyo ukuzenza ngoku ndilapha. Ndingatsho ukuba ndonwabile," utshilo uVelebayi.