iMoko Tournament eneminyaka iqhutywa, iza kwandiswa ngakumbi kulo unyaka.
Image: Facebook
Abathandi bezemidlalo nolonwaba baza konwaba uhalala kulo nyaka. Oku kucace gca emva kokubhengezwa kweenguqu kwiMoko Tournament - enye yeetumente zombhoxo ezithe zaqaqamba kwiminyaka edlulileyo. Ngengxa yokukhula nomdla wabantu, abaququzeleli babon kufanelekile ukuba ukuba kwandiswe itumente ukusukela kulo nyaka ukuya phambili.
Njengokuba itumente ibikade ilungiselela umbhoxo kuphela, ngoku iza kukhatshwa yibhola ekhatywayo, umnyazi namanqindi. Akothusi oku ngoba le yeminye yemidlalo edlalwa kakhulu kwiphondo leMpuma Koloni.
Itumente iza kuqala ngomhla wesithathu isongwe ngowesithanathu kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka eZihlahleni, eDebe. Kulindeleke amaqela ombhoxo aqabele ngaphaya kwamashumi amathathu aza kuthatha inxaxheba njengesiqhelo.
Nangona amaqela omnyazi eza kuqala kwiMoko Tournament - kodwa abaququzeleli bathi balindele amashumi amabini anesithandathu. Abakaqiniseki ngenani lamaqela adlala ibhola ekhatywayo - kodwa bafuna ishumi elinesithandathu. Ukuba oku kwenzekile, iMoko Tournament iza kuba yeyona tumente enkulu kwiphondo leMpuma Koloni.
Amaqela ombhoxo abhalisa ngemali eyiR2 500, eliphumeleleyo liza kugoduka lifumbethe iR60 000 yonke. Kanti wona amaqela ebhola ekhatywayo abhalisa ngewaka lerandi (R1 000), eliphumeleleyo liza kufumana iR20 000. Nawo amaqela omnyazi abhalisa ngewaka lerandi.
Okwangoku azikapapashwa iinkcukacha ngamanqindi. Wonke lo msebenzi uququzelelwa yiMoko Sports Foundation ekhokelwa nguMnu. Siyabulela Moko olitshantliziyo lophuhliso ezilalini. IMoko Sport Complexa ekubanjelwa kuyo imidlalo yakhiwa nguye.