Ezemidlalo

UMbane uthi iWAFCON liqonga lokugqamisa ebadlalini abatsha

Pedro Mapelo|Published

UBambanani Mbane, uJermaine Seoposenwe noHildah Magaia ngabadlali boMzantsi Afrika.

Image: BACKPAGEPIX

Kwisithuba seenyanga ezimbini, amazwe eAfrika aza kubuthelana kwakhona eMorocco - apho aza kukhuphisana khona kwi2026 Women's Africa Cup of Nations.

Omnye wabadlali abadala kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika, uBambanani Mbane, uthi balindele itumente enzima ngoba bathelekiswe namaqela asebenzisa kakhulu kwiWAFCON yalo nyaka. Kwitumente yebhola ekhatywayo yamantombazana, uMzantsi Afrika uthelekiswe neBurkina Faso, iCote D'Ivoire neTanzania kuGroup B onamazwe omeleleyo odwa.

Itumente iza kuqala ngomhla weshumi elinesixhenxe eKwindla ivalwe ngomhla wesithathu kuTshazimpuzi. UMbane uxelele iSABC Sport ukuba aBanyana Banyana banesicwangciso esiza kubanceda badlule kwisigaba sokuqala.

"Umqathango esiwunikiweyo uthi masidlalele ukuphumelela kulo nyaka. Sithelekiswe namazwe omeleleyo - kodwa ke sakukhumbula ukuba imidlalo yokuzibekela indawo yayinzima. Sadlala neCongo futhi sayibetha. Ndizama ukuthi siyakwazi ukuqubisana namazwe asebenzisa amandla," utshilo uMbane.

Wongeze ngelithi iWAFCON yalo nyaka iza kuba liqonga elihle labadlali abasakhulayo abasafuna ukuziqaqambisa ebholeni ekhatywayo. "Sinendlela esiza kuqubisana ngayo neBurkina Faso neCote D'Ivore. Lifikile ixesha lokuba kugqame abadlali abatsha, abanye babo abadlale nathi ukusukela kunyaka ophelileyo.

"Into endiyithandayo kukuba bayayazi into elindelekileyo kubo. Ndiyathemba ukuba baza kulisebenzisa ithuba xa bedlalisiwe. Endikuthandayo ngabo kukuba bayafundiseka futhi bafuna ukwenza ngcono," utshilo uMbana ongomnye wabadlali abadala abaya kwiWAFCON.

ABanyana Banyana zange bakwazi ukuyikhusela indebe yabo kunyaka ophelileyo emva kokukhutshwa kwiWAFCON kwimijikelo yokugqibela. "Njengokuba benditshilo, umyalelo esiwunikiweyo uthi masidlalele ukuya emdlalweni wokugqibela kulo nyaka.

"Sifuna ukuphumelela indebe njengokuba sasenzile ngonyaka ka2022. Unyaka ogqithileyo ubungemhlanga kuthi - kodwa sifuna ukwenza bhetele kulo unyaka," utshilo uMbana ethetha kwiSABC Sport.