Umqeqeshi weGolden Arrows, uManqoba Mngqithi, umemelela ukhawuleza kweVAR.
Image: Photo: Backpagepix
Emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala ngendlela engancumisiyo kunyaka ka2026, uManqoba Mngqithi ucele iPSL ukuba ikhawulezise ukumiliselwa kweVAR ngokukhulu ukungxama.
UManqoba uvakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba iGolden Arrows iguqiswe phantsi ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium. Into ebangele angonwabi umqeqeshi ligowuli elifakwe nguAiden McCarthy obonakele elalele ngethuba edibana nebhola egqithe ezandleni zikanozinti.
Sekulithuba kukhalwa ngeempazamo zoosompempe ebholeni yaseMzantsi Afrika. Lalikhona ithemba lokufika kweVAR kunyaka ophelileyo emva kwesithembiso esenziwa nguMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, kodwa izinto zihamba kancinci nakubeni imali yethenda ikhutshiwe.
UMngqithi uthe lifikile ixesha lokuba iPSL yenze njengakwamanye amazwe. "Into yokuqala endifuna ukuyithetha yile: iPSL iya kuhlala yombethwe ziingxaki zoosompempe ngoku ingekacaci into yeVAR," utshilo uManqoba obebonakala enomsindo.
"Sisebenza ngokuzimisela sisakha amaqela wethu ngoba sidlalela iR20-million, hayi iR500 000. UMcCarthy ebephambili ngethuba ibhola isiya kuSilva. Xa sibethwa emidlalweni akukho mntu osikhathalelayo. Bathi amaqela wethu ayavuza - kodwa enyanisweni kufuneka iPSL izame ukuyisombulula into yeVAR ngoba ibhola ekhatywayo iguqukile.
"Yibhola ekufanele isixelele izinto ezifuna iinguqu. Oosompempe abakwazi ukulandela zonke iintshukumo zabadlali ebaleni. Andikwazi ukugxeka oosompempe ngawo onke amaxesha," utshilo uMngqithi.