UCedric Kaze ngomnye wabaqeqeshi beKaizer Chiefs kule sizini eqhubekayo.
Image: Isithombe:BACKPAGEPIX
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uCedric Kaze, ubatyityimbisele umnwe abahlalutyi nabaqeqeshi abachaze njengabantu abaswele imbeko. Oku kwenzeke emva kokuba iKaizer Chiefs ibethe iGolden Arrows ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium kubusuku bangoLwesibini wale veki.
Igowuli elikhalise abantu lifakwe nguAiden McCarthy kwisigaba sokuqala somdlalo. Amanqaku amathathu athathe iChiefs ayinyusela kwindawo yesithathu kufuphi neMamelodi Sundowns neOrlando Pirates.
Nangona iChiefs idlala bhetele kule sizini eqhubekayo - kodwa kusoloko kujikeleza iingxelo ezithi ikhangela umqeqeshi omtsha kumakhasi onxibelelwano. Ayiphethanga kakuhle lo nto uKaze oyibona njengendelelo. Ubethe phantsi ngenqindi ngelithi baza kucela uxolo xa kuphela isizini abagxeki.
UKaze noKhalil Ben Youssef banikwa uxanduva emva kokuhamba kukaNasreddine Nabi ababefike naye ngonyaka ka2024. Noxa kubekhona ukukhubeka emidlalweni ethile, iChiefs yenza ngcono kunesizini edlulileyo.
UKaze uqinisekisile ukuba abaqeqeshi bayaxhaswa ngabaphathi beChiefs, ingxaki ngabantu abakude abafuna ukuduba inzolo. "Akukho nto ethi andithenjwanga okanye andixhaswa ngabaphathi beChiefs nabadlali. Ngabantu abakude abazama ukuthetha ngezinto ezingekhoyo," utshilo uKaze ethetha neentatheli emva komdlalo ogqithileyo.
Uthe kukho abantu abasebholeni nabaqeqeshi abathile abawunyhashayo umsebenzi abawenzayo njengabaqeqeshi beChiefs ukusukela kunyaka ophelileyo.
"Ndingatsho ukuba kukho abantu abangasihloniphiyo, abathetha ngesikhundla somqeqeshi ngathi asinamntu. Abanye abaqeqeshi abonqeni ukuthi bangayenza iintshatsheli iChiefs - kodwa xa ujonga imbali yabo, zange wayenza lo nto.
"Ezinye iintatheli zikhala ngabaqeqeshi ababini ngokungathi asinawo amagama. Ndithetha neSoccerBeat. Siyayazi into esiyenzayo futhi siyile esikolweni. Kodwa ndifuna ukuthi kuni, xa sidibana ekupheleni kwesizini, ndiqinisekile abanye baza kucela uxolo," utshilo uKaze.