Ezemidlalo

Inye into engamphathanga kakuhle uCedric Kaze emdlalweni wayizolo!

Pedro Mapelo|Published

UThabiso Monyane emdlalweni obuphakathi kweKaizer Chiefs neGolden Arrows izolo eFNB Stadium.

Image: KC Facebook

UCedric Kaze uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wayizolo - kodwa inye jwi into emphazamisileyo. Oku ukuvakalise emva kokuba iKaizer Chiefs iquthise iGolden Arrows ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium izolo ebusuku.

Amanqaku amathathu ayithathe iChiefs ayinyusela phezulu kwindawo yesithathu emva kweMamelodi Sundowns ne'Orlando Pirates ngokulandelelana. Igowuli ephumelele ngalo iChiefs lifakwe nguAiden McCarthy obonakele elalele kwisigaba sokuqala. Nakubeni echwayitile umqeqeshi - kodwa uphazanyiswe kukunqaba kwamagowuli.

"Ndicinga ukuba isiqalo sethu kwisigaba sokuqala besisihle kakhulu. Umdlalo ubulawulwa sithi futhi sikwazile ukuyiqhekeza iGolden Arrows kwiindawo ebiqine kuzo. Sithethile phambi komdlalo ngokudlala kakuhle kwisigaba sokuqala ngoba inefuthe kwisiphetho somdlalo," utshilo uKaze emva komdlalo.

Ngoku Amakhosi aphinde asondela kumaqela aphezulu ngamanqaku noxa iPirates isenemidlalo emibini engekayidlali. "Ukuphumelela kuhle ngoba kusinika ukukhululela nokuzithemba. Into encinci endiphethe kakubi kukungafaki igowuli lesibini kuphele umdlalo. Amanqaku amathathu ndiwamkela ngolukhulu uvuyo.

"Sidlale kakuhle kakhulu emdlalweni futhi besihlasela. Bekungekho mfuneko yokuhlala emva ngoba indlela eyiyo yokuzikhusela kukuhlasela iqela odlala nalo," utshilo utshilo umqeqeshi. Amakhosi alungiselela ukudibana neZesco United emdlalweni weCAF Confederation Cup oza kube ungempelaveki eZambia emalanga ngeCawe.