Ezemidlalo

Ayimkhathazi uMiguel Cardoso incoko engokugxothwa kwakhe yiSundowns

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.

Image: Backpagepix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, ude waziphendula iingxelo ezithi angahamba ingaphelanga isizini. Indedeba yasePortugal ixelele iintatheli ukuba ayixhalabanga nakancinci zizinto ezithethwa kumakhasi onxibelelwano ngayo.

UCardoso uphendule imibuzo yeentatheli emva kokuba iSundowns iquthise iOrbit College ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium. Amagowuli afakwe nguArthur Sales kwisigaba sokuqala noBrayan Leon kwisigaba sesibini.

Amanqaku amathathu ayithathe iSundowns ayibuyisela phezulu kwindawo yokuqala. Emva kokuba iSundowns iphose indebe yeMTN8 neCarling Knockout - kuye kwakho ukungonwabi kubalandeli abathile.

Kubonakala ngathi iSundowns iyamenzelela ngoba yagxotha uRulani Mokwena nangona wayephumelele iindebe ezimbini ezibalulekileyo. Nangona kunjalo, uCardoso kufuneka aphumelele indebe yeBetway Premiership neCAF Champions League ekulindeleke ukuba zisongwe kwiinyanga ezilandelayo kulo nyaka.

"Kukho abantu abafuna ukuphazamisa iSundowns. Abantu abaphazamisa umqeqeshi bafuna ukuvisa iSundowns kabuhlungu, abaqeqeshi nayo yonke into edibene neSundowns," utshilo uCardoso ethetha neentatheli ePitoli ekuqaleni kwale veki.

Uthe akanalo nelincinci ixhala yena ngekamva lakhe. "Baza kuhlala bengxola ngoba somelele. Andinalo ixhala mna ngoba ikamva lam alixhomekekanga ebholeni ekhatywayo. Ikamva lam lixhomekeke kwizinto ezininzi ezibandakanya ibhola ekhatywayo," utshilo uCardoso.

Umqeqeshi ubongoze abalandeli beSundowns ngelithi mabangaphazanyiswa zizinto ezithethwayo. "Iqela likhokelwe ziinkokeli ezomeleleyo. Lonke iqela lomelele futhi ngeke liphazanyiswe ngabantu abangaphandle kulo.

"Simanyene futhi siyawazi umsebenzi wethu. Sisebenza ngokuzimisela ukuze sanelise abalandeli bethu. Yiyo lo nto sicela abalandeli bethu ukuba bangavumi ukutyiswa ityhefu ngabantu abakude kwiSundowns," utshilo uCardoso.