Ezemidlalo

Ushiyeke ebala iimpazamo umqeqeshi weOrbit College ebethwe yiSundowns

Pedro Mapelo|Published

UPagiso Makhoye ngumqeqeshi weOrbit College.

Image: Facebook

Nangona iMamelodi Sundowns ikwazile ukuphumelela, uPagiso Makhoye ubange ngelithi iqela lakhe likwazile ukuyiphazamisa. Ukuthethe oku emva kokuba iOrbit College iguqiswe phantsi ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obusekuqaleni kwale veki ePitoli.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe nguArthur Sales noBrayan Leon ofikayo. Ukubethwa kwayo iOrbit College kuyigcine kwindawo yeshumi elinesithathu futhi ikufutshane kumaqela ajijisana netshoba.

Noba abadlali beOrbit College bengakhange bayifake engxakini iSundowns emdlalweni ogqithileyo - kodwa bona bakwazile ukuxhathisa phambi kwegowuli elifakwe nguSales kwisigaba sokuqala somdlalo.

"Ndicinga ukuba singene ebaleni sinesicwangciso esihle sokudlala. Izinto ziguquke emva kokuphazamiseka kwezibane. Nditshilo kugxa wam ukuba kuyandixhalabisa ukumiswa komdlalo ngoba izinto bezisihambela kakuhle," utshilo uMakhoye ethetha kuSuperSport TV emva komdlalo wokuqala kulo nyaka mtsha.

"Ndicinga ukuba yimpazamo eyenziwe ngunozinti encede iSundowns ngoba besiyibambile. Besizixelele ukuba asisobe siyinike ithuba lokukhabela ezipalini. Kwisigaba sesibini siye sanyanzeleka ukuba senze inguqu ngenxa kanozinti oye wonzakala. Emva koko iye yonakala indlela ebesidlala ngayo.

"Sivumele iibhola ezisuka emacaleni esikwazileyo ukuzivimba kwisigaba sokuqala. Ndiyavuya kodwa ngoba sikwazile ukudlala kakuhle. Senze impazamo ebangele kubekho ukungazithembi kuthi," utshilo umqeqeshi weOrbit College eza kudibana neChippa United emalanga ngoMgqibelo.