Ezemidlalo

Uqhwatyelwe izandla uThato Sibiya obeqala ukudlalela iMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

UThato Sibiya wamkele iwonga lomdlali oqaqambileyo emva kokuba iMamelodi Sundowns ibethe i'Orbit College emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium.

Image: Facebook

Uvakalise uchulumanco uMiguel Cardoso emva komsebenzi omhle owenziwe ngomnye wabadlali bakhe abatsha. Umqeqeshi uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba iMamelodi Sundowns ibethe iOrbit College ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obusebusuku ngoMvulo wale veki.

Amanqaku amathathu ewafumeneyo iSundowns ayithathu ayinyusela phezulu kwindawo yokuqala ebekukade kuhleli kuyo iOrlando Pirates eza kudlala umdlalo wayo wokuqala kulo nyaka ngempelaveki.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe uArthur Sales noBrayan Leon waseColombia obeqala ukudlalela iSundowns. UCardoso wothuse abantu abaninzi ngokuqala umdlalo ngabadlali abatsha okanye angaqhelanga ukubadlalisa.

Phakathi kwabo badlali bekukho uKegan Johannes, uKutlwano Letlhaku, uLebo Mothiba, uSphelele Mkhulise noThato Sibiya obeqala ukudlalela iSundowns. USibiya odlale emva ekunxele usuka kwiSundowns edlala kwiDiski Challenge.

"Ewe, ndonwabile ngenxa yomsebenzi abawenzileyo. Sobe kubekho badlali abakhulayo esibabonayo ukuba asibathembi," utshilo uCardoso emva komdlalo. Kunzima ukufumana ithuba lokudlala kwiSundowns ngoba inabadlali abasemgangathweni ophezulu. Olifumeneyo kuye kunyanzeleke ukuba alibambe ngezandla zozibini.

"Siwuqale kakuhle umdlalo sisabelana kakuhle ngebhola. Bona baye bahlala kwiindawo abadlala kuzo ukuze singakwazi ukugqobhoza. Kuye kwanyanzeleka ukuba senze izilungiso kwisigaba sesibini.

"Ngenxa yamaqela asokolisayo esidlala nawo, kuye kunyanzeleke ukuba siqinisekise ukuba umdlali ukulungele ukudlala," utshilo uCardoso ethetha ngoThato ofumene iwonga lomdlali oqaqambileyo.

Umqeqeshi uyibethelele into ethi kufuneka abadlali bakhe bahlale bekulungele ukudlala ngenxa yemidlalo emininzi eza kudlalwa yiSundowns kwisigaba sesibini sesizini. ISudowns iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePolokwane kwiveki ezayo.