Abadlali beSenegal bebhiyozela indebe yeAfrica Cup of Nations emva kokuba ibethe iMorocco ngegowuli elinye emdlalweni wokugqibela.
Image: CAF
UKapteni weSenegal, uKalidou Koulibaly, wamkele indebe yeAfrica Cup of Nations ayinikwe nguMongameli weCAF, uPatrice Motsepe, njengophawu loloyiso emva kokuphumelela umdlalo ubunezaqhwithe.
Khange ayiphakamise ngokwakhe uKoulibaly, unike uSadio Mane ohlangule ibhola yaseAfrika ehlazweni emdlalweni wokugqibela weAfrica Cup of Nations obutshisa bhe. Umdlali oqinisekise impumelelo yeSenegal emzuzwini wekhulu elinantlanu emdlalweni nguPape Gueye ofake imbumbulu yebhola esekunxele.
Phambi kwegowuli elifakwe linxele lakwaGueye eliyingozi, kubekho iziganeko eziphantse zawuchitha umdlalo obubukelwe lihlabathi lonke. Iqhushululu iqale ngethuba usompempe, uJean-Jacques Ngambo Ndala, engayiniki iSenegal igowuli ebilifakile.
Usompempe waseD.R. Congo uthe umdlali weSenegal uphazamise umdlali weMorocco ngendlela phambi kwegowuli. Kodwa usompempe uye wayikhomba echaphazeni ibhola emva kokudlalwa kakubi komdlali weMorocco sekuphela ixesha lowona mdlalo weAFCON ongasoze ulityalwe.
Abadlali beSenegal bakhumbuze usompempe obavimbe igowuli labo. Usompempe uye wema kwisigqibo sakhe emva kokuqinisekisa kwiVAR. Baye baphuma ebaleni abadlali beSenegal emva kokukhwetywa ngumqeqeshi wabo, uPape Thiaw, owenze isenzo esiphantse safaka iAfrika yonke ehlazweni.
UMane ubuyisele oogxa bakhe ebaleni yatsho yakhatywa ipenela yeMorocco - kodwa eye yacikwa ngunozinti weSeneral oliqhawe naye. Emva koko, iSenegal ifumene igowuli eliyinike impumelelo emdlalweni obusemgangathweni ophezulu.
Unconyiwe lihlabathi lonke uMane ngoba umdlalo ubuza kusongwa kuphumelele iMorocco abantu bayo abashiyeke bethe khunubembe. "Ibhola ekhatywayo ikhula ngendlela encomekayo eAfrika," utshilo uMane ethetha neentatheli emva komdlalo wokugqibela.
"Ibhola yaseAfrika ayisidingi isiphelo esinje ngento ephantse yenzeka ngoba abantu behlabathi basijongile. Ekupheleni kosuku siye sanethamsanqa saphumelela. Ndibaxelele oogxa bam ukuba mabavale umdlalo njengamadoda," utshilo uMane ongumdlali weAFCON.