UMongameli weCAF, uPatrice Motsepe, engqongwe ngabantu ngethuba kuqhubeka iAfrica Cup of Nations esongwe izolo ebusuku.
Image: Facebook
UMongameli weCAF, uPatrice Motsepe, uzichaze njengobuvuvu izityholo ezithi umbutho olawula ibhola eAfrika ubanjwe ngempumlo yiFIFA. Oku ukuthethe ngempelaveki egqithileyo ngethuba esenza intetho eshwankathela okwenzeke kwiAfrica Cup of Nations esongwe ngeCawe edlululileyo ebusuku.
Kubekho isankxwe emva kokuba iCAF ithathe isigqibo esithi iAfrica Cup of Nations iza kudlalwa kanye eminyakeni emine ize yona iCHAN ibhangiswe endaweni yayo kufakwe iAfrican Football League eza kudlala unyaka nonyaka.
Ngenxa yomlo ngabadlali osoloko uvumbuluka phakathi kweCAF neYurophu xa kufika ixesha iAfcon, abanye abantu basibone isigqibo esithathwe yiAfrika njengesingafanelekanga. UMotsepe usikhusele isigqibo esithathwe ngabaphathi bebhola ngelithi onke amalungu eCAF ayasixhasa isigqibo esithathiweyo.
"Bubuvuvu ingcingane ethi izinto esizenzayo sizenzela iYurophu. Umsebenzi wethu siwenzela iAfrika. Onke amazwe weAfrika athi iAFCON ibisezingeni eliphezulu," utshilo uMotsepe ethe fixi ngumsindo.
"Sithatha izigqibo eziza kunceda iAfrika futhi ndiqinisekile ukuba emva kweminyaka ezayo, iziphumo ziza kuzithethela ngokwazo," utshilo uMotsepe phambi kokuqinisekisa ukuba iAfrican Nations League iza kudlalwa unyaka nonyaka ukuseka ngo2028.
Uthe iAFCON esingathwa kanye eminyakeni eminye yeyona eza kwenza ingeniso kuneyenzeka eminyakeni emibini. UMotsepe uqinisekisile ukuba iAFCON ebibanjelwe eMorocco yenze ingeniso entle - into ebikade iyisokolisa iCAF phambi kokuphatha kwakhe.
"Kufuneka sisuke kule nto yokungazithembi okubangela abantu bacinge ukuba sitsalwa ngempumlo yiFIFA. Sifumana intlonipho kwiFIFA ngaphezulu kweentatheli zethu - kodwa ke yinkululeko yazo," utshilo uMotsepe. Indebe igoduke neSenegal ebethe iMorocco ngegowuli elinye emdlalweni wokugqibela.
Kuye kwanyanzeleka kuyiwe kwixesha lokuphumla emva kokuba iMorocco iphose ipenela. Makhe bagwayimba abadlali beSenegal baphuma ebaleni ngenxa yepenela ebinikwe iMorocco - kodwa uMane uye wabacenga bangena ebaleni.