Ezemidlalo

UPetersen uthi Amakhosi aza kuthembela ngabalandeli emdlalweni weNedbank Cup

Pedro Mapelo|Published

UBrandon Petersen weKaizer Chiefs noDevin Titus weStellenbosch FC emsithweni weNedbank Cup izolo.

Image: Backpagepix

Kungekudala kuza kuqala imidlalo yeNedbank Cup. Lo nto ithetha ukuthi Amakhosi aza kufumana ithuba lokukhusela indebe yawo. Aza kudibana neStellenbosch FC kwakhona emdlalweni ekulindeleke utake iintlantsi eKapa ngomhla ongekachazwa.

Amaqela adlala kwiPSL nakwiABC Motsepe League aza kuswantsulisana emidlalweni yeNedbank Cup emva kokuthelekiswa kwawo izolo ngorhatya. Kwakhona Amakhosi athelekiswe neStellenbosch asoloko edibana nayo emidlalweni yeendebe.

UBrandon Petersen ukwamkele ngovuyo ukudibana kweKaizer Chiefs neStellies emdlalweni wendebe kwakhona. Eqhula ngethuba ethetha neentatheli, uPetersen uthe ukudlalela eKapa yinto eqhelekileyo kubo.

"Ndicinga ukuba mna neStellies sinobudlelwane obuhle. Kokwesithathu ngoku sidibana neStellenbosch emdlalweni wendebe," utshilo unozinti weChiefs. Yindebe ebalulekileyo le kwiChiefs ngoba igwebe ngayo indlala yeminyaka elishumi kunyaka ophelileyo phantsi kukaNasreddine Nabi ongasekhoyo.

Noxa iStellenbosch FC ibidume ngokusokolisa amaqela amakhulu phantsi kukaSteve Barker ohambileyo wayokuqeqesha iSimba SC yaseTanzania - kodwa ubungozi bayo busekhona ngoba iqeqeshwa nguGavin Hunt owaziwayo ngokuthatha iindebe ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.

"Kusoloko kumnandi ukudibana neStellenbosch. Imbali iyasibonisa ukuba umdlalo ophakathi kwala maqela ushiya iinkumbulo ezingacimiyo. Siyazi ukuba abalandeli baza kusixhasa eKapa. Umdlalo uza kufika siwulungele ngoba sifuna ukukhusela indebe yethu," utshilo uPetersen.