uAndre De Jong ubeke ukuphakamisa indebe yeBetway Premiership njengeyona nto ephambili kwiPirates.
Image: OP
Umdlali ohlaselayo omtsha, uAndre De Jong, uzimisele ukuyinceda i'Orlando Pirates kwiinzame zayo zokuphumelela eyona ndebe inkulu kule sizini eqhubekayo. Le ndedeba yaseNew Zealand izityande igila okokuqala njengomdlali wePirates ukusukela ifikile.
UDe Jong uthengwe kwiStellenbosch FC - apho azenzele khona igama njengomnye wabadlali abayingozi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Njengokuba isizini ingena kwisigaba sayo sesibini, kulindeleke ukuba ancede iPirates ehleli phezulu kwiBetway Premiership.
"Ndicinga ukuba wonke umntu eqeleni ufuna liphumelele indebe yeBetway Premiership," utshilo uDe Jong kwikhasi lomnatha lePirates. Phambi kokuphela konyaka ka2025, iPirates inyukele phezulu yathobisela iMamelodi Sundowns ebikade ihleli kwindawo yokuqala.
Ukuba kwindawo ephezulu kunika iPirates elinye ithuba lokulwela eyona ndebe enkulu eyiphose amatyeli eliqela. Emva kokuphumelela iindebe ezimbini kwisiqingatha sokuqala sesizini, iPirates ingena kwesesibini ikhuthazekile ngoba isenemidlalo esesandleni.
"Ukuhlala kwethu phezulu kusinika ithuba elihle lokuphumelela. Kwezi veki ezimbini besizama ukuzilolela imidlalo ezayo. Into endiyifunayo kukunceda iqela ngayo nokuba yeyiphi na indlela enokuliphumelelisa. Ndingakuvuyela ukuphulela indebe yeBetway. Wonke umntu ofuna yona futhi yeyona nto endiyifunayo nam.
"Kungakuhle ukuba ndinganceda iqela ngamagowuli. IPirates yenze inkqubela ebonakalayo. Ndifuna ukwenza elam igalelo nokuba kungayiphi indlela ukuze iphumelele," utshilo uDe Jong. IPirates iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weBetway oza kube usePeter Mokaba Stadium kwiveki ezayo.