Ezemidlalo

Obefunwa shushu yiChiefs neSundowns uthathwe liqela laseMelika

Pedro Mapelo|Published

UPuso Dithejane ngumdlali omtsha weChicago Fire emva kokuba ethengiswe yiTS Galaxy kule veki.

Image: BackpagePix

Omnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo, uPuso Dithejane, wothuse abantu abaninzi eMzantsi Afrika ngethuba esaziswa njengomdlali weChicago Fire yaseMelika (USA). Oku kwenzeke emva kweendaba ezithi ebefunwa yiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns.

UDithejane, 21, ebedlalela iTS Galaxy ekuqikelelwa ukuba ifumene imali entle kakhulu emva kokuthengisa abadlali bayo abaqaqambileyo kule veki. Ingxelo ejikeleze kumajelo eendaba ithe uTim Sukazi uqinisekisile ukuba uPule ebefunwa ngamaqela amakhulu.

UDithejane akayanga kwiSundowns ngoba kucacile ukuba imali yayo ibingalingani nekhutshwe yiChicago Fire edlala kwiMajor League Soccer (MLS). Ngumdlali wesibini osemgangathweni ophezulu othathwe yiChicago Fire.

Kwinyanga ephelileyo ithathe uMbekezeli Mbokazi kwiPirates ngemali eqikelelwa ngaphezulu kwamashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50 million). UMbokazi noDithejane abaphuma eMzantsi Afrika baza kudlalela iqela elinye kwiMLS abangayithandiyo abantu abathanda ibhola yaseYurophu.

Umqeqeshi weChicago Fire, uGregg Berhalter, ukuvuyele kakhulu ukufumana umdlali wesibini osemgangathweni ophezulu eMzantsi Afrika. "Songeza omnye umdlali onetalente emangalisayo nohlaselayo. Udlala iindawo ezahlukileyo ebaleni futhi unamandla.

"Siza kumnika isiseko esiza kumqinisa njengomdlali oseza kudlalela iqela lethu iisizini ezininzi ezizayo," utshilo umqeqeshi esamkela uDithejane owayekade edlalela iChiefs edlala kwiDiski Challenge. Wathathwa yiTS Galaxy emva kokugxothwa kwakhe ngenxa yokungaziphathi kakuhle.

Yamthathela kuyo iTS Galaxy efumene izigidi zeerandi emva kweminyaka emibini. UDithejane ubethelele indawo yakhe kwiTS Galaxy wade watsala namehlo womqeqeshi weqela lesizwe.

"Ndiyakuvuyela ukuba ngumdlali weChicago Fire eliqela elikhethekileyo. Sendingxamele ukuzibona ndisebaleni ndincede iqela," utshilo uDithejane.